{"collection":"Bible & Christianity","html_url":"https://unchartedknowledge.5gfusion.net/browse/bib/wb/xho/ecc.htm","path":"bib/wb/xho/ecc.htm","source_url":"https://sacred-texts.com/bib/wb/xho/ecc.htm","text":"1:1 Amazwi eNtshumayeli, unyana kaDavide, ukumkani waseYerusalem.\n1:2 Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; amampunge awo amampunge, yonke into ingamampunge.\n1:3 Unalungelo lini umntu emigudwini yakhe yonke, ayenzayo phantsi kwelanga?\n1:4 Kumka esinye isizukulwana, kulandele esinye isizukulwana; ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.\n1:5 Ilanga liyaphuma, ilanga libuya litshone, liphikele endaweni yalo apho liphuma khona.\n1:6 Umoya uya ezantsi, ujikeleze usinge entla, uhamba ujikajikeleza, ubuye ubuya umoya ekujikelezeni kwawo.\n1:7 Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona.\n1:8 Zonke izinto ziyazixhamla; umntu akanako ukuzithetha; alihluthi iliso kukubona, ayizali indlebe kukuva.\n1:9 Into eyayikho yeya kubuya ibekho; into eyenzekayo yeya kubuya yenzeke yona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga.\n1:10 Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu.\n1:11 Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo.\n1:12 Mna, Ntshumayeli, ndibe ndingukumkani kwaSirayeli eYerusalem.\n1:13 Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu; ngumzamo ombi uThixo awunike oonyana babantu, ukuba bawuzame.\n1:14 Ndazikhangela zonke izenzo ezenzekayo phantsi kwelanga; yabona, zonke zingamampunge nokusukelana nomoya.\n1:15 Into egoso ayinakolulwa; into engekhoyo ayinakubalwa.\n1:16 Ndathetha mna nentliziyo yam, ndisithi, Yabona, mna ndikhulise ndandisa ubulumko, ngaphezu kwabo bonke ababephethe iYerusalem phambi kwam; nentliziyo yam ibone kakhulu ubulumko nokwazi.\n1:17 Intliziyo yam ndayinikela ekwazini ubulumko, nasekwazini ubugeza nobuyatha; kwanaloo nto ndayiqonda ukuba kukusukelana nomoya.\n1:18 Ngokuba ebuninzini bobulumko kukho ukuhlelwa sisiyengelezane esininzi; owongeza ukwazi, wongeza umvandedwa.\n2:1 Ndathi mna entliziyweni yam, Khawuze khe ndikulinge ngovuyo, ubone okulungileyo. Yabona, kwanaloo nto ingamampunge.\n2:2 Ndathi kohlekayo, Uyageza; nakovuyayo, Wenza ntoni na lo?\n2:3 Ndasingasinga entliziyweni yam ukuba nditsale inyama yam ngewayini, ekubeni intliziyo yam iziqhuba ngobulumko: ukuba ndazane nobuyatha, ndide ndibone ukuba yiyiphi na into ebalungeleyo oonyana babantu, ukuze bayenze phantsi kwezulu, ngemihla embalwa yobomi babo.\n2:4 Ndazenzela imisebenzi emikhulu, ndazakhela izindlu: ndazityalela izidiliya,\n2:5 ndazenzela amasimi nemiyezo, ndatyala kuyo imithi eneziqhamo zonke;\n2:6 ndazenzela amachibi amanzi okunyela ihlathi elihluma imithi;\n2:7 ndathenga amakhoboka namakhobokazana, ndaba nawo nazalelwe endlwini yam. Kananjalo imfuyo yeenkomo neyempahla emfutshane yaba ninzi kum, ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwam eYerusalem.\n2:8 Ndaziqwebela nesilivere, negolide, nezinto eziziinqobo zookumkani ngookumkani, nezamazwe ngamazwe; ndazenzela iimvumi neemvumikazi, neziyolo zoonyana babantu, inkosikazi namakhosikazi.\n2:9 Ndaba mkhulu ke, ndanda ngaphezu kwabo bonke ababeseYerusalem ngaphambi kwam; bathi nobulumko bam bandinceda.\n2:10 Andiwabandezanga into yonke ayibizayo amehlo am; andiyivimbanga intliziyo yam namnye umvuyo; ngokuba intliziyo yam yayivuya emigudwini yam yonke, saba sesi ke isabelo sam emigudwini yam yonke.\n2:11 Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzayo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga.\n2:12 Ndazijika mna, ndakhangela ubulumko, nobugeza, nobuyatha: ngokuba ngumntu oyini na, lowo uya kuza emva kokumkani? lo ubeselenziwe kade?\n2:13 Ndabona ukuba ubulumko buyabugqitha ubuyatha, njengokuba ukukhanya kubugqitha ubumnyama.\n2:14 Isilumko, amehlo aso asentlokweni yaso; ke sona isinyabi sihamba emnyameni. Ndaqonda ke mna ukuba bonke bephela bahlelwa sihlo sinye.\n2:15 Ndathi mna entliziyweni yam, Njengoko sihlelwa kuko isinyabi, ndiya kuhlelwa kuko nam lo: ibiyini na ke ukuba ndisidlule mna ngokulumka? Ndathi entliziyweni yam, Kwanaloo nto ingamampunge.\n2:16 Ngokuba isilumko kunye nesinyabi asinakukhunjulwa kungunaphakade, ekubeni kusiza iimini ezoba sezilityelwe zonke ezo nto. Kutheni na, ukuba zife izilumko kunye nezinyabi?\n2:17 Ndabuthiya ke ubomi; ngokuba mibi kum imisebenzi eyenzeka phantsi kwelanga; ngokuba yonke loo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya.\n2:18 Ndayithiya yonke imigudu yam, endaphuka yiyo phantsi kwelanga, ekubeni ndiya kuyishiya nomntu oya kubakho emva kwam.\n2:19 Waziwa ngubani na, ukuba woba sisilumko, nokuba woba sisiyatha, kusini na? Ukanti uya kugunyazela emigudwini yam yonke endaphuka yiyo, endalumkayo kuyo phantsi kwelanga; kwanaloo nto ingamampunge.\n2:20 Ndajika ke mna, ndayincamisisa intliziyo yam ngemigudu yonke endaphuka yiyo phantsi kwelanga.\n2:21 Ngokuba kubakho umntu omigudu yakhe inobulumko, inokwazi, inempumelelo; ukanti uya kuyinika umntu ongenzanga migudu, ibe sisabelo sakhe; kwanaloo nto ingamampunge nobubi obukhulu.\n2:22 Ngokuba umntu uba nantoni na ngemigudu yakhe yonke, nangenzondelelo yentliziyo yakhe, aphuka yiyo yena phantsi kwelanga?\n2:23 Ngokuba imihla yakhe yonke inomvandedwa, nasekuzameni kwakhe ukhathazekile, nasebusuku ayiphumli intliziyo yakhe; kwanaloo nto ingamampunge.\n2:24 Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, bawubonise umphefumlo wabo okulungileyo emigudwini yabo. Kwanaloo nto ndiyibonile, ukuba ivela esandleni sikaThixo.\n2:25 Ngokuba ngubani na ongadlayo, ngubani na ongavayo ubumnandi, engenaye?\n2:26 Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi novuyo; ke yena umoni umnika umzamo wokuhlanganisa nokuqweba, ukuze loo nto ayinike olungileyo phambi koThixo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.\n3:1 Into yonke inexesha elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwezulu:\n3:2 ukuzala kunexesha lako, ukufa kunexesha lako; ukutyala kunexesha lako, ukunyothula okutyelweyo kunexesha lako;\n3:3 ukubulala kunexesha lako, ukuphilisa kunexesha lako; ukuchitha kunexesha lako, ukwakha kunexesha lako;\n3:4 ukulila kunexesha lako; ukuhleka kunexesha lako; kukho ixesha lokulila umbambazelo, kukho nexesha lokudloba;\n3:5 kukho ixesha lokuchithachitha amatye, kukho nexesha lokufumba amatye; ukuwola kunexesha lako, ukuyeka ukuwola kunexesha lako;\n3:6 ukufuna kunexesha lako, ukulahlekelwa kunexesha lako; ukugcina kunexesha lako, ukulahla kunexesha lako;\n3:7 ukukrazula kunexesha lako, ukuthunga kunexesha lako; ukuthi cwaka kunexesha lako, ukuthetha kunexesha lako;\n3:8 ukuthanda kunexesha lako, ukuthiya kunexesha lako; kukho ixesha lemfazwe, kukho nexesha loxolo.\n3:9 Unalungelo lini na lowo usebenzayo, kuloo nto ayenzela imigudu?\n3:10 Ndiwubonile umzamo, awunike oonyana babantu uThixo, ukuba bawuzame.\n3:11 Zonke izinto uzenze zantle ngexesha lazo; kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo ngohlobo lokuba umntu angasifumani isenzo asenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni.\n3:12 Ndiyazi ke ukuba akukho nto ilungileyo phakathi kwabo, ingekukuvuya nokuzizuzela okulungileyo ebomini babo.\n3:13 Kwanokuba wonke umntu adle, asele, abone okulungileyo emigudwini yakhe yonke: sisipho sikaThixo eso.\n3:14 Ndiyazi ke ukuba yonke into aya kuyenza uThixo, yiyo eya kuba ngonaphakade; kungongezwa nto kuyo, kungacatshulwa nto kuyo: uThixo ukwenzela ukuba koyikwe ebusweni bakhe.\n3:15 Le nto ikhoyo ibiselikho kade; nento eya kubakho ibiselikho kade. UThixo ke ubuya ayifune into egxothiweyo.\n3:16 Ndabuya ndabona phantsi kwelanga indawo yokugweba, ukuba okungendawo kukhona; nendawo yobulungisa, ukuba okungendawo kukhona.\n3:17 Ndathi mna entliziyweni yam, Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi, nazo zonke izenzo.\n3:18 Ndathi mna entliziyweni yam, Kungenxa yoonyana babantu, ukuze uThixo abahlele, nokuze bazibone benjengeenkomo bona ngokwabo.\n3:19 Ngokuba bayahlelwa oonyana babantu, ziyahlelwa neenkomo, sinye isihlo kubo nakuzo; njengoko kunjalo ukufa kwabo, kunjalo ukufa kwazo; mnye umoya kubo bonke nakuzo zonke; akukho kuyigqitha komntu inkomo; ngokuba zonke ezo nto zingamampunge.\n3:20 Zonke ezo nto ziya ndaweni-nye; zonke ezo nto zavela eluthulini, zonke ezo nto zibuyela eluthulini.\n3:21 Ngubani na owaziyo umoya woonyana babantu, ukuba uyenyuka na uye phezulu; nomoya wenkomo, ukuba uyehla na uye phantsi emhlabeni?\n3:22 Ndaqonda ke ukuba akukho nto ilunge ngaphezu kokuba umntu avuye ezenzweni zakhe; ngokuba kusisabelo sakhe oko. Ngokuba uya kungeniswa ngubani na, ukuba akubone okuya kubakho emveni kwakhe?\n4:1 Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacudisi babo kuphuma ububhovubhovu, bengenamthuthuzeli bona.\n4:2 Ndabancoma ke mna abafileyo, abasebefe kade, kunabahleliyo abasahleliyo ngoku.\n4:3 Ke ulungile kunabo bobabini lowo ungekabikho, ungakubonanga ukwenza okubi okwenziwa phantsi kwelanga.\n4:4 Kananjalo ndayiqonda ke mna yonke imigudu, nayo yonke impumelelo yomsebenzi, ukuba ingumona wokwanyelana. Kwanaloo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya.\n4:5 Isinyabi sikhwabusha izandla, sidle kwaeyaso inyama.\n4:6 Kulungile ukuzalisa sandla sinye ngokuphumla, kunokuzalisa zozibini izandla ngemigudu nokusukelana nomoya.\n4:7 Ndabuya mna, ndabona amampunge phantsi kwelanga.\n4:8 Kukho oba yedwa, ongenaye owesibini, ongenanyana namzalwana; ingena siphelo imigudu yakhe yonke, angahluthiyo noko bubutyebi amehlo akhe. Akatsho ukuthi, Ndaphukela bani na, ndiwuhlutha nje umphefumlo wam okulungileyo? Kwanaloo nto ingamampunge, ingumzamo ombi yona.\n4:9 Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye, kuba banomvuzo olungileyo ngemigudu yabo.\n4:10 Ngokuba xa bathe bawa, omnye unokumphakamisa uwabo; yeha ke, yena oyedwa, othe wawa! kuba akukho wesibini wokumphakamisa.\n4:11 Kananjalo ababini, bathe balala, baya kuva ukusitha; angathini na ukuva ukusitha olele yedwa?\n4:12 Ukuba umntu uthe wamgagamela oyedwa, bona ababini baya kumisa phambi kwakhe; umsonto ontluntathu awuhle uqhawulwe.\n4:13 Ulungile umntwana olihlwempu elumkile, ngaphezu kokumkani oselemkhulu, esisidenge, ongasakuvayo ukuyalwa.\n4:14 Ngokuba uphuma endlwini yamakhonkxwa ukuba abe ngukumkani; ukanti uzalelwe ebukumkanini balowo ulihlwempu.\n4:15 Ndababona bonke abadla ubomi, behamba phantsi kwelanga kunye naye umntwana, lo ungowesibini, uza kuma esikhundleni salowo.\n4:16 Akukho kuphela kwabantu bonke, kwabo bonke angaphambi kwabo; ukanti amavela-mva akayi kuvuya ngaye. Ngokuba kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.\n5:1 Gcina unyawo lwakho xeshikweni uya endlwini kaThixo; ukusondela ukuba uve, kungaphezu kokunikela kwezidenge imibingelelo; ngokuba ukungazi kwazo kwenza izinto ezimbi.\n5:2 Musa ukungxama ngomlomo wakho, intliziyo yakho ingaphangi ikhuphe ilizwi phambi koThixo; ngokuba uThixo usemazulwini, ke wena usehlabathini; ngenxa yoko amazwi akho makabe mancinane.\n5:3 Ngokuba ukuphupha kuza ngobuninzi bemicimbi, nezwi lesidenge liza ngobuninzi bentetho.\n5:4 Xeshikweni uthe wabhambathisa isibhambathiso kuThixo, musa ukuzekelela ukusizalisa; ngokuba azinanzwa izidenge; loo nto uyibhambathisileyo yizalise.\n5:5 Kulungile ukuba ungabhambathisi, kunokuba ubhambathise ungazalisi.\n5:6 Musa ukuwuvumela umlomo wakho, ukuba uyonise inyama yakho; ungatsho phambi komthunywa kaThixo ukuthi ibikukulahleka. Yini na ukuba uThixo abe noburhalarhume ngezwi lakho asonakalise isenzo sezandla zakho?\n5:7 Ngokuba ebuninzini bamaphupha namazwi, maninzi amampunge; ke yoyika uThixo.\n5:8 Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo; kukho abaphakamileyo naphezu kwabo.\n5:9 Ilungelo lelizwe entweni yonke ngukumkani onyamekela umhlaba.\n5:10 Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto. Kwanaloo nto ingamampunge.\n5:11 Ekwandeni kwezinto ezilungileyo bayanda abazidlayo zona, abe umninizo enempumelelo eyini na, ingekuko ukwanela ukuzibona ngamehlo?\n5:12 Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo.\n5:13 Kukho ububi obusisifo, endibubonileyo phantsi kwelanga; ukuthi ubutyebi obugcinelwe umninibo, bube nobubi kuye;\n5:14 obo butyebi butshabalala ngento embi; uzala unyana, engenayo nento esandleni sakhe.\n5:15 Njengokuba waphuma esizalweni sonina eze, uya kubuya emke njengoko weza enjalo, angathabathi nento ngemigudu yakhe, angayiphathayo ngesandla sakhe.\n5:16 Kwanale nto bububi obusisifo, ukuba eya kumka kanye kwanjengoko weza ngako: unalungelo lini na ke owaphukela umoya?\n5:17 Kananjalo iimini zakhe zonke uzidlela emnyameni, enengqumbo enkulu, nesifo, noburhalarhume.\n5:18 Nantsi into endiyibonileyo mna, ilungile, intle: into yokuthi umntu adle, asele, abone okulungileyo ngemigudu yakhe yonke aphuka yiyo phantsi kwelanga, ngokwenani lemihla yobomi bakhe amnikileyo uThixo; ngokuba kusisabelo sakhe oko.\n5:19 Kananjalo wonke umntu, athe uThixo wamnika ubutyebi nokuqweba, wamnika negunya lokudla kubo, athabathe isabelo sakhe, avuye emigudwini yakhe: sisipho sikaThixo eso.\n5:20 Ngokuba akayikhumbuli kakhulu imihla yobomi bakhe; ngokuba uThixo eluphendula uvuyo lwentliziyo yakhe.\n6:1 Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, buninzi ke phezu komntu:\n6:2 yindoda uThixo ayinike ubutyebi, nokuqweba, nozuko, ungasweli umphefumlo wayo nanye into engayinqwenelayo, aze uThixo angayiphi amandla okuyidla; ngokuba idliwa yenye indoda. Ngamampunge lawo, sisifo esibi eso.\n6:3 Ukuba umntu uthe wazala ikhulu labantwana, wadla ubomi iminyaka emininzi, yamininzi imihla yeminyaka yakhe, umphefumlo wakhe awahlutha zizinto ezilungileyo, kananjalo akaba nangcwaba: ndithi mna, imvambilini ilungile kunaye.\n6:4 Ngokuba ifike ingamampunge, imka kumnyama, igama layo ligutyungelwe bubumnyama;\n6:5 kananjalo ayilibonanga ilanga, ayilazanga; le yona ilungile kunomntu lowo.\n6:6 Nokuba ebeya kudla ubomi iwaka leminyaka kude kube kabini, angakuboni okulungileyo, ayiyi ndaweni-nye na yonke loo nto?\n6:7 Yonke imigudu yomntu uyenzela umlomo wakhe: ukanti umphefumlo awuzali.\n6:8 Ngokuba isilumko sisigqitha ngantoni na isidenge? Usigqitha ngantoni na olusizana, okwaziyo ukuhamba phambi kwabaphilileyo?\n6:9 Kulungile ukubona kwamehlo ngaphezu kokuhambahamba komphefumlo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.\n6:10 Loo nto iselikho, yabe iselithiywe kade igama layo; yaziwa into aya kuba yiyo umntu; akanakumelana nalowo unokumeyisa.\n6:11 Ngokuba kukho amazwi amaninzi nje, andisa amampunge; umntu unalungelo lini na ngaloo nto?\n6:12 Ngokuba ngubani na owaziyo okumlungeleyo umntu ebomini, ngangenani lemihla yobomi bakhe obungamampunge, ayigqiba njengesithunzi? Ngokuba ngubani na onokumxelela umntu into eya kubakho emva kwakhe phantsi kwelanga?\n7:1 Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu.\n7:2 Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko.\n7:3 Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso.\n7:4 Intliziyo yezilumko isendlwini yesijwili; ke intliziyo yezidenge isendlwini yovuyo.\n7:5 Kulungile ukuva ukukhalimela kwesilumko, kunokuba umntu eve ingoma yezidenge.\n7:6 Ngokuba njengokuqhuqhumba kwevaba ngaphantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge; naloo nto ingamampunge.\n7:7 Ngokuba ukucudisa kugezisa isilumko, siyitshabalalise intliziyo isicengo.\n7:8 Kulungile ukugqitywa kwendawo, ngaphezu kokuqalwa kwayo; ulungile umoya ozeka kade umsindo, kunomoya ozidlayo.\n7:9 Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge.\n7:10 Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto.\n7:11 Bulungile ubulumko, bunelifa, bulilungelo kwabalibonayo ilanga.\n7:12 Ngokuba ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo.\n7:13 Wukhangele umsebenzi kaThixo; ngokuba ngubani na onokolula into ayenze yagoso?\n7:14 Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba nalo, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe.\n7:15 Le nto yonke ndiyibonile ngemihla yam engamampunge: kubakho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, noko angendawo.\n7:16 Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiseleyo; yini na ukuba uziphanzise?\n7:17 Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho?\n7:18 Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela.\n7:19 Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi.\n7:20 Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.\n7:21 Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa;\n7:22 ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba uyabatshabhisa abanye nawe.\n7:23 Ezo zinto zonke ndizilingile ngobulumko; ndathi ndiya kulumka; ke bona baba kude kum.\n7:24 Hayi, ukuba kude kwezinto ezikhoyo, zinzulu kakhulu; ngubani na oya kuzifumana?\n7:25 Ndajika ke mna, ndanentliziyo enga ingazi, ingasingasinga, ifume ubulumko nesigqibo seengcinga; enga ingakwazi okungendawo ukuba kukunyaba, nokumatha ukuba kukugeza.\n7:26 Ndayifumana ikrakra ngaphezu kokufa, inkazana eyiyimigibe iphela, ezizibatha intliziyo yayo, ezandla zingamakhamandela olungileyo phambi koThixo uya kusinda kuyo, ke yena umoni uya kubanjiswa yiyo.\n7:27 Yabona into endiyifumeneyo, itsho iNtshumayeli, ndihloma enye kwenye, ukuba ndifumane isigqibo seengcinga;\n7:28 obumana ukuyifuna umphefumlo wam, ndingayifumani, nantsi: indoda enye ewakeni ndiyifumene, ke yona inkazana kulo lonke andiyifumananga.\n7:29 Yabona, le nto yodwa ndiyifumene, yokuba uThixo wamenza umntu wathi tye; ke bona bafune ubuqili obuninzi.\n8:1 Ngubani na onjengesilumko esi? Ngubani na okwaziyo ukuconjululwa kwendawo? Ubulumko bomntu bukhanyisa ubuso bakhe, buguqulwe ubungwanyalala bobuso bakhe.\n8:2 Mna ndithi, Umthetho wokumkani wugcine, ngenxa yesifungo sikaThixo.\n8:3 Musa ukukungxamela ukumka ebusweni bakhe; ungangeni kwiyelenqe; ngokuba into yonke ayinanzileyo uyayenza.\n8:4 Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na?\n8:5 Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesi gwebo;\n8:6 ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe;\n8:7 ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?\n8:8 Akukho mntu unokuwugunyazela umoya, awuthintele umoya; akukho unokuyigunyazela imini yokufa; akukho kukhululeka kuloo mfazwe; okungendawo akunakubasiza abaniniko.\n8:9 Le nto yonke ndiyibonile, ndayinikela intliziyo yam kwizenzo zonke ezenziwayo phantsi kwelanga, ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.\n8:10 Ekubeni kunjalo, ndibone abangendawo bengcwatywa, begoduka; besithi endaweni engcwele bemke abo benze okulungileyo, balityalwe kuloo mzi.\n8:11 Kwanaloo nto ingamampunge. Ekubeni isigwebo singawiswa kamsinyane emsebenzini ombi, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.\n8:12 Nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ayolule imihla yakhe, noko ndiyazi ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, kwaboyikayo ebusweni bakhe;\n8:13 kungalungi kongendawo, angayoluli imihla yakhe, njengethunzi; ekubeni engoyiki ebusweni bukaThixo.\n8:14 Kukho amampunge enzekayo ehlabathini: ukuba kukho amalungisa ahlelwa ngokokwenza kwabangendawo; kukho nabangendawo abahlelwa ngokokwenza kwamalungisa; ndathi, kwanaloo nto ingamampunge.\n8:15 Ndaluncoma ke mna uvuyo, ngokuba kungekho nto imlungeleyo umntu phantsi kwelanga, ngaphezu kokuba adle, asele, avuye; loo nto ithane mbende naye emigudwini yakhe, ngemihla yobomi bakhe amnikayo uThixo phantsi kwelanga.\n8:16 Xeshikweni ndayinikelayo intliziyo yam ukuba ndibazi ubulumko, ndiwubone umzamo owenzekayo ehlabathini (ngokuba nasemini nasebusuku ababoni buthongo ngamehlo abo),\n8:17 ndasibona ke sonke isenzo sikaThixo, ukuba akanako umntu ukusifumana isenzo eso senzekayo phantsi kwelanga; nakubeni umntu esaphuka ukusifuna, akasifumani. Nokuba sithe isilumko safuna ukwazi, asinakufumana.\n9:1 Ngokuba yonke le nto ndayinyamekela ngentliziyo yam, ndayihlela yonke le nto, yokuba amalungisa, nezilumko, nemisebenzi yabo, isesandleni sikaThixo; nokuthanda nokuthiya, akukhona ekwazini kwabantu; le nto yonke basebeyimiselwe.\n9:2 Izinto zonke zibahlela ngokufanayo bonke: sinye isihlo kwilungisa nakongendawo; kolungileyo, kohlambulukileyo, nakoyinqambi; kobingelelayo nakongabingeleliyo; njengoko anjalo olungileyo, unjalo nomoni; ofungayo unjengalowo ukoyikayo ukufunga.\n9:3 Le yinto embi phakathi kwezinto zonke ezenzekayo phantsi kwelanga, ukuthi sibe sinye isihlo kubo bonke; ibe nentliziyo yoonyana babantu izele bububi; ibubugeza entliziyweni yabo besadla ubomi; emveni kwabo kuyiwa kwabafileyo.\n9:4 Ngokuba kosukuba ehlonyelwa kwabasadla ubomi, kusekho ithemba; ngokuba inja esaphilileyo ilunge ngaphezu kwengonyama efileyo.\n9:5 Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho, abasabi namvuzo; ngokuba balityelwe, abasakhunjulwa nganto.\n9:6 Seluphelile kade uthando lwabo, nentiyo yabo, nekhwele labo; abasenasabelo naphakade ezintweni zonke ezenzekayo phantsi kwelanga.\n9:7 Yiya udle isonka sakho unovuyo, usele iwayini yakho unentliziyo echwayithileyo; ngokuba sekukade ekholisiwe uThixo zizenzo zakho.\n9:8 Iingubo zakho mazibe mhlophe ngamaxesha onke, neoli mayingasweleki entlokweni yakho.\n9:9 Hlala kakuhle nomfazi omthandileyo ngemihla yonke yobomi bakho obungamampunge, akunikileyo phantsi kwelanga, ngemihla yakho yonke engamampunge; ngokuba sisabelo sakho eso ebomini, nasemigudwini yakho owaphuka yiyo phantsi kwelanga.\n9:10 Yonke into esiyifumanayo isandla sakho ukuba siyenze, yenze ngamandla akho; ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo, apho uya khona wena.\n9:11 Ndabuya ndabona phantsi kwelanga, ukuba ukugidima asikokwabanamendu, imfazwe asiyeyamagorha; kananjalo isonka asisesezilumko; kananjalo ubutyebi asibobabanenqiqo; kananjalo ubabalo asilolwabanokwazi; ngokuba bonke bephela bafikelwa lixesha nasisihlo.\n9:12 Ngokuba umntu akalazi nexesha lakhe; njengeentlanzi ezibanjiswe ngomnatha ombi, nanjengeentaka ezibanjiswe ngomgibe, banjalo ukurhintyelwa kwabo oonyana babantu ngexesha elibi, xa libawele ngesiquphe.\n9:13 Nale nto ndiyibone ibubulumko phantsi kwelanga, babukhulu kum:\n9:14 umzi omncinane unamadoda ambalwa; kweza kuwo ukumkani omkhulu, wawungqinga, wawakhela iimboniselo ezinkulu.\n9:15 Wafumana kuwo indoda elihlwempu inobulumko; yona yawusiza umzi ngobulumko bayo; ke akubangakho mntu ubuya ayikhumbule le ndoda ilihlwempu.\n9:16 Ndathi ke mna, Bulunge ubulumko ngaphezu kobugorha; kodwa ubulumko beli hlwempu budelekile, namazwi alo akaviwa.\n9:17 Amazwi ezilumko, eviwe ngokuthozama, angaphezu kokunkqangaza kolawula phakathi kwezidenge.\n9:18 Bulunge ubulumko ngaphezu kweempahla zokulwa; ke yena umoni emnye utshabalalisa okulungileyo okuninzi.\n10:1 Iimpukane ezifileyo zinukisa zibilise amafutha omqholi; ubudenge obuncinane bunzima kunobulumko nozuko.\n10:2 Intliziyo yesilumko ingasekunene kwaso: intliziyo yesidenge ingasekhohlo kwaso.\n10:3 Ewe, nasendleleni, xa sithe isidenge sahamba ngayo, siyayiswela intliziyo, sihambe sisithi kubantu bonke, Ndisisidenge.\n10:4 Ukuba ukufutha komlawuli kuthe kwenyuka kwakuchasa, musa ukuyishiya indawo yakho; ngokuba ubulali buleleza izono ezikhulu.\n10:5 Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, obunjengokulahleka okuphuma konegunya:\n10:6 ubudenge bunikwa iindawo eziphezulu ezinkulu, zibe izityebi zihleli kwiindawo eziphantsi.\n10:7 Ke ndizibone izicaka zikhwele emahasheni, namatshawe ehamba phantsi ngeenyawo njengezicaka.\n10:8 Omba isigingqi, angeyela kuso; ochitha uthango, inyoka ingamluma.\n10:9 Omba amatye, angenzakala; ocanda iinkuni angaba semngciphekweni.\n10:10 Ukuba intsimbi ithe yaba buthuntu, akalulola uhlangothi lwayo, wogonyela ngoko ngamandla; ke ubulumko buyanceda bulungise.\n10:11 Ukuba inyoka ithe yaluma kungekho kukhafula, akabi nanzuzo umnyangi.\n10:12 Amazwi omlomo wesilumko anokubabala; ke yona imilebe yomlomo wesidenge iginya kwasona.\n10:13 Ingqalo, yamazwi omlomo waso bubudenge, nengqibo yomlomo waso bubugeza obubi.\n10:14 Isidenge sandisa amazwi, engakwazi umntu okuya kubakho nokuya kubakho emva kwakhe, ngubani na onokumxelela?\n10:15 Imigudu yezidenge iyazixhamla, ezingakwaziyo ukuya emzini.\n10:16 Yeha, wena lizwe likumkani ungumntwana, limatshawe adla kwakusasa!\n10:17 Hayi, uyolo lwakho, lizwe likumkani ungunyana wabanumzana, limatshawe adlayo ngexesha elililo, enobugorha, engenamithayi!\n10:18 Ngobuvila iyabhena imiqadi; ngokuthamba kwezandla iyanetha indlu.\n10:19 Benza isidlo ukuba bahleke, iwayini ivuyise ubomi; imali ilungele iinto zonke.\n10:20 Musa ukumtshabhisa ukumkani, nasesazeleni sakho, ungasitshabhisi nesityebi ezingontsini zakho zokulala; ngokuba intaka yasendle yolihambisa elo zwi, nento enamaphiko iyixele loo ntetho.\n11:1 Siphose isonka sakho phezu kwamanzi, ngokuba wosifumana kwakuba ziintsuku ezininzi.\n11:2 Yahlula izahlulo zibe sixhenxe, zibe sibhozo, ngokuba akuyazi into embi eya kubakho ehlabathini.\n11:3 Ukuba amafu athe azala yimvula, ayithululela emhlabeni; ukuba umthi uthe wawa, wabheka ezantsi, nokuba uthe wabheka entla, kuloo ndawo uwe kuyo umthi lowo, wolala khona.\n11:4 Ogqala umoya akayi kuhlwayela; okhangela amafu akayi kuvuna.\n11:5 Njengokuba ungayazi ukuba yiyiphi na indlela yomoya, kwanjengokuyilwa kwamathambo esiswini somithiyo; ngokunjalo akusazi isenzo sikaThixo owenza izinto zonke.\n11:6 Kusasa hlwayela imbewu yakho, nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba ungazi ukuba kolunga yiphi na, nokuba yile nokuba yileya, kusini na, nokuba zolunga ngakunye zombini na.\n11:7 Kumnandi ukukhanya, kulungile emehlweni ukulibona ilanga.\n11:8 Ngokuba umntu, ukuba uthe wadla ubomi iminyaka emininzi, makavuye ngayo yonke iphela, noko ke akhumbule imihla yobumnyama, ukuba iya kuba mininzi. Yonke into ezayo ingamampunge.\n11:9 Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, ikuchwayithise intliziyo yakho ngemihla yobudodana bakho, uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho; kodwa yazi ukuba ngenxa yezo zinto zonke uThixo uya kukusa ematyaleni.\n11:10 Yisuse ke ingqumbo entliziyweni yakho, ubudlulise ububi enyameni yakho; ngokuba ubutsha nobudoda bungamampunge.\n12:1 Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho, ingekezi imihla yobubi, ingekafiki iminyaka owothi ngayo, Ayindiyolele;\n12:2 lingekabi mnyama ilanga, nokukhanya, nenyanga, neenkwenkwezi, engekabuyi amafu emva kwemvula;\n12:3 loo mini baya kungevezela abagcini bendlu, agobe amadoda anobukroti, ziyeke iintokazi ezisilayo ngokuba zimbalwa, kube mnyama kwabakhangela ngeefestile;\n12:4 zivalwe iingcango ngasesitratweni, kwakubon\u2019 ukuba sidambile isandi sokusila, evuka kwazisathetha iintaka, zinqwilile zonke iintombi zengoma;\n12:5 naxeshikweni baya kuzoyika iindawo eziphakamileyo, neento eziqhiphula umbilini zibe sendleleni; utyatyambe umamangile, uchabachabase umqhathu, utshitshe umnqweno; ngokuba umntu esiya ekhayeni lakhe laphakade, bajikajike ezitratweni abambambazeli;\n12:6 ingekaqhawuki intambo yesilivere, lityumke iselwa legolide, uqhekeke umphanda emthonjeni, yaphuke ivili iwe equleni;\n12:7 lungekabuyeli emhlabeni uthuli, njengoko belunjalo, umoya ubuyele kuThixo owawunikayo.\n12:8 Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; into yonke ingamampunge.\n12:9 Phezu koko, ngokuba iNtshumayeli ibisisilumko, yamana ibafundisa abantu ukwazi, yalinganisela, yabagocagoca, yayila imizekeliso emininzi.\n12:10 INtshumayeli yafuna, inga ingafumana amazwi anandiphekayo, kuthi nokubhalwayo kulunge, ibe ngamazwi enyaniso.\n12:11 Amazwi ezilumko anjengeemviko; anjengezikhonkwane ezitshonisiweyo asezintlanganiseleni, anikwe ngumalusi emnye.\n12:12 Nangaphezu koko, nyana wam, vuseleleka; ukwenza iincwadi ezininzi akunakuphela, nokuphikela ukufunda okuninzi kudinisa inyama.\n12:13 Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.\n12:14 Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.","title":"Xhosa Bible: Ecclesiastes","type":"page"}
