{"collection":"Bible & Christianity","html_url":"https://unchartedknowledge.5gfusion.net/browse/bib/wb/xho/lam.htm","path":"bib/wb/xho/lam.htm","source_url":"https://sacred-texts.com/bib/wb/xho/lam.htm","text":"1:1 Yoo! Uhleli wodwa, umzi obantu baye bebaninzi; Obe umkhulu ezintlangeni Usuke waba njengomhlolokazi; umthethelikazi emazweni Usuke waba ngofakwa uviko.\n1:2 Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe; Akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe; Onke amakholwane akhe ammenezelele, Aba lutshaba kuye.\n1:3 UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi; Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla; Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni.\n1:4 Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabaya emithendelekweni; Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina; Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo.\n1:5 Ababandezeli bayo basuka bayintloko; iintshaba zayo zinobunqobo; Ngokuba uYehova uyenze yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi; Abantwana bayo bemkile, bathinjiwe, baqhutywa ngumbandezeli.\n1:6 Buphumile entombini enguZiyon bonke ubungangamsha bayo; Abathetheli bayo baba njengamaxhama angafumani dlelo, Ahamba engenamandla phambi komsukeli.\n1:7 IYerusalem iyazikhumbula, ngemini yeentsizi zayo neyokudinga kwayo, Zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwakwiimini zamandulo, Ekuweni kwabantu bayo esandleni sombandezeli, ingenamncedi; Ababandezeli bayo bayibona, bakuhleka ukucinywa kwayo.\n1:8 IYerusalem asikuko nokuba yonile yona; ngenxa yoko yaba lubhorha; Bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba babone ubuze bayo; Nayo ngokwayo iyancwina, ibuye umva.\n1:9 Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo ezirhuqayo, ayilikhumbulelanga ikamva layo; Yehla ke ngokubalulekileyo; ayinamthuthuzeli; Ithi, Zikhangele, Yehova, iintsizi zam; ngokuba utshaba luzikhulisile.\n1:10 Umbandezeli usolule isandla sakhe phezu kwezinto zayo zonke ezinqwenelekayo; Kuba ibona iintlanga zingene engcweleni yayo, Owawuwise umthetho wena, ukuba zingangeni ebandleni lakho.\n1:11 Bonke abantu bayo bayancwina, befuna isonka; Barhole izinto zabo ezinqwenelekayo ngenxa yesonka, ukuze bawubuyise umphefumlo; Bona, Yehova, ukhangele, ukuba ndisuke ndacukucezeka.\n1:12 Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela? Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo, Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe.\n1:13 Engaphezulu, uthume umlilo emathanjeni am, wawanyathela; Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva; Undenze inxuwa, yonke imini ndityhafile.\n1:14 Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe; Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am; INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo.\n1:15 INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam; Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am. INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.\n1:16 Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi, Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam; Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.\n1:17 IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli; UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge: IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo.\n1:18 Ulilungisa uYehova; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe. Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam; Umthinjana wam namadodana am emke nokuthinjwa.\n1:19 Ndibize izithandane zam, zandikhohlisa zona; Ababingeleli bam, namadoda amakhulu akwam, aphume umphefumlo phakathi komzi, Xa abezifunela ukudla, ukuba abuyise imiphefumlo yawo.\n1:20 Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila; Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela; Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa.\n1:21 Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli; Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko kwenziwe nguwe. Uyayizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke.\n1:22 Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo, Uziphathe njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke; Ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile.\n2:1 Yoo! Itheni na iNkosi yam ukuyisibekela kangaka ngomsindo wayo intombi enguZiyon? Isikhuphile ezulwini, yasikhahlela ehlabathini, isihombo sikaSirayeli, Ayasikhumbula isihlalo seenyawo zayo ngemini yomsindo wayo.\n2:2 INkosi yam iwaginyile, ayawaconga, onke amakriwa akwaYakobi; Izigungxule ngokuphuphuma komsindo wayo iinqaba ezinkulu zentombi enguYuda; Yazizisa emhlabeni; Ibungcolisile ubukumkani nabathetheli babo.\n2:3 Izixakazile ngokuvutha komsindo wayo zonke iimpondo zikaSirayeli; Isibuyise umva isandla sayo sokunene ebusweni botshaba; Yatshisa kwaYakobi njengomlilo olenyayo, odlayo ngeenxa zonke.\n2:4 Isityedile isaphetha sayo njengotshaba; imise isandla sayo sokunene, saxelisa esombandezeli, Yazibulala zonke izinto ezinqwenelekayo emehlweni; Ententeni yentombi enguZiyon, ibuphalazile ubushushu bayo njengomlilo.\n2:5 INkosi yam isuke yaba njengotshaba; imginyile uSirayeli, Iziginyile zonke iingxande zayo ezinde, izonakalisile iinqaba zayo ezinkulu; Yandisa entombini enguYuda uncwino nokukhala.\n2:6 Iyichithile indawo yayo ebiyiweyo njengomyezo; Iyitshabalalisile indawo yayo yentlangano; UYehova wenze walityalwa eZiyon umthendeleko nesabatha; Wabagiba ekubhavumeni komsindo wakhe ukumkani nombingeleli.\n2:7 INkosi yam isihlambele isibingelelo sayo, ithe nethe kuyo ingcwele yayo, Izivingcelele esandleni sotshaba iindonga zeengxande zayo ezinde; Baxokozela endlwini kaYehova njengemini yomthendeleko.\n2:8 UYehova ucinge ukonakalisa udonga lwentombi enguZiyon; Wolule ulutya lokulinganisela, akasibuyisa isandla sakhe ekuginyeni; Wenza ungqameko lomsele lwaba nesijwili, kwanodonga; zithokombisile kunye ezo zinto.\n2:9 Amasango ayo atshonile emhlabeni; uyitshabalalisile, uyaphule imivalo yayo; Ukumkani wayo nabathetheli bayo basezintlangeni, akukho myalelo; Abaprofeti bayo abafumani mbono kuYehova.\n2:10 Ahleli emhlabeni ethe cwaka amadoda amakhulu entombi enguZiyon; Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqe ezirhwexayo; Uzithobele emhlabeni iintloko zawo umthinjana waseYerusalem.\n2:11 Amehlo am aphela ziinyembezi, ziyabila izibilini zam, Isibindi sam siphalalele emhlabeni, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu, Ngokutyhafa kwabantwana, nabasemabeleni, ezitratweni zomzi.\n2:12 Bamana ukuthi koonina, Iphi na ingqolowa newayini? Ekutyhafeni kwabo njengabangxwelerhiweyo ezitratweni zomzi, Ekuziphalazeni kwemiphefumlo yabo esifubeni sonina.\n2:13 Ndikungqinele, ngantoni na? Ndikufanekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem? Ndikulinganise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon? Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa?\n2:14 Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu; Ababutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho; Bakubonele imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa.\n2:15 Babetha izandla ngawe bonke abadlula ngendlela; Benza umsondlo, bahlunguzele iintloko ngentombi enguYerusalem, besithi, Ngulo mzi na, lo kuthiwa kuphela kwenzwakazi, yimihlali yehlabathi lonke?\n2:16 Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo; Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile; Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile.\n2:17 Ukwenzile uYehova abekunkqangiyele; Ulizalisile ilizwi lakhe, abeliwisele umthetho kususela kwiimini zamandulo; Ugungxule, akaconga; Wenze lwakuvuyelela utshaba lwakho, Uphakamise uphondo lwababandezeli bakho.\n2:18 Intliziyo yabo ikhala eNkosini yam; Ludonga lwentombi enguZiyon, mazihle iinyembezi njengomlambo imini nobusuku; Musa ukuyeka, malungaphezi ukhozo lweliso lakho.\n2:19 Vuka, uhlahlambe ebusuku, ekuqalekeni kwemilindo; Yiphalaze njengamanzi intliziyo yakho ebusweni beNkosi; Ziphakamisele kuyo izandla zakho, ngenxa yomphefumlo wabantwana bakho, Abatyhafileyo kukulamba ekujikeni kwezitrato zonke.\n2:20 Bona, Yehova, ukhangele, ngubani na lo wenjenje ukumphatha kakubi? Abafazi bangadla isiqhamo somzimba wabo na? Badle abantwana ababathantamisayo na? Angabulawelwa engcweleni yeNkosi na umbingeleli nomprofeti?\n2:21 Balele emhlabeni phandle oyinkwenkwe noyindoda enkulu; Umthinjana wam namadodana am awile likrele; Ubulele ngemini yomsindo wakho, usikile, akwaconga.\n2:22 Ukumemile ngokwemini yomthendeleko ukunxunguphala kwam ngeenxa zonke, Akwabakho usindayo, usalayo, ngemini yomsindo kaYehova. Endibathantamisileyo ndabakhulisa, utshaba lwam lubagqibele.\n3:1 Ndim indoda ebone iintsizi, ngentonga yokuphuphuma komsindo wakhe.\n3:2 Undikhokele wandihambisa ebumnyameni, akwaba sekukhanyeni.\n3:3 Ubuye wasiguqulela kum ndedwa isandla sakho imini yonke.\n3:4 Uyonakalisile inyama yam nolusu lwam; uwaphule amathambo am.\n3:5 Undakhele wandirhaqa ngenyongo nendiniso.\n3:6 Undibele ezindaweni ezimnyama, njengabafe ngonaphakade.\n3:7 Undibiyele ngeenxa zonke, andinakuphuma; uwenze aba nzima amakhamandela am obhedu.\n3:8 Noko ndikhalayo, ndizibikayo, uyawuvingcela umthandazo wam.\n3:9 Uzibiyele iindlela zam ngamatye aqingqiweyo, uzenze goso iingqushu zam.\n3:10 Kum uyibhere elalelayo, uyingonyama esezintsithelweni.\n3:11 Uzityekisile iindlela zam, wandidlavula; undenze inxuwa.\n3:12 Usigobile isaphetha sakhe, wandimisa ndaba yitekeni yotolo lwakhe.\n3:13 Uzise ezintsweni zam iintolo zomphongolo wakhe.\n3:14 Ndisuke ndayintlekisa kubantu bonke bakowethu; ndiyingoma yabo imini yonke.\n3:15 Undihluthise ngeento ezikrakra, wandiseza ndahlutha umhlonyane.\n3:16 Uwaphule ngohlalu amazinyo am; undixinzelele phantsi eluthuthwini.\n3:17 Uwuhlambile umphefumlo wam, awaba naluxolo; ndiyilibele into elungileyo.\n3:18 Ndathi, aphelile amandla am, nokulinda kwam kuYehova.\n3:19 Zikhumbule iintsizi zam, nokutshutshiswa kwam, umhlonyane nenyongo.\n3:20 Umphefumlo wam uyazikhumbula unangoku ezo zinto, usibekekile kum.\n3:21 Oko ndikunyamekele ngentliziyo: ngenxa yoko ndilindile.\n3:22 Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe.\n3:23 Zintsha imiso ngemiso; kukhulu ukuthembeka kwakhe.\n3:24 Isabelo sam nguYehova, utsho umphefumlo wam; ngenxa yoko ndilindele kuye.\n3:25 UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo.\n3:26 Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.\n3:27 Kuyilungele indoda ukuba iyithwale idyokhwe kwasebutsheni bayo.\n3:28 Mayihlale yodwa ithe cwaka, xa iyithwalisiweyo.\n3:29 Mayiwubeke eluthulini umlomo wayo; kungabakho ithemba mhlawumbi.\n3:30 Mayisinikele isidlele sayo koyibethayo; mayihluthe yingcikivo.\n3:31 Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade,\n3:32 Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo.\n3:33 Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibenze babe nosizi oonyana babantu.\n3:34 Ekutyunyuzweni kwababanjiweyo bonke behlabathi phantsi kweenyawo;\n3:35 Ekulijikeni ityala lomfo phambi kobuso bOsenyangweni;\n3:36 Ekuphenulweni komntu ekubambaneni kwakhe nomnye: iNkosi yam ayiboni na?\n3:37 Ngubani na okhe wathetha, kwenzeka, iNkosi yam ingawisanga mthetho?\n3:38 Akuphumi okubi nokulungileyo emlonyeni wOsenyangweni na?\n3:39 Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile? Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe.\n3:40 Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova.\n3:41 Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizise kuThixo emazulwini.\n3:42 Thina sikreqile saba neenkani; wena akuxolelanga.\n3:43 Uzigqubuthele ngomsindo, wasisukela; ubulele akwaconga.\n3:44 Uzigqubuthele ngelifu, ukuze ungaphumeli umthandazo wethu.\n3:45 Usenze inkunkuma, imvuthuluka esazulwini sezizwe.\n3:46 Zisakhamisele umlomo wazo zonke iintshaba zethu.\n3:47 Kokwethu ukunkwantya, nomgongxo, nesibatha, nokutshabalala, nokwaphuka.\n3:48 Iliso lam lihla imijelo yamanzi, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu.\n3:49 Iliso lam liyatyityizela, aliyeki, alinqamki,\n3:50 Ade aqondele abone uYehova, esemazulwini.\n3:51 Iliso lam liyawubulala umphefumlo wam, ngenxa yeentombi zonke zomzi wakowethu.\n3:52 Zindizingele zandizingela njengentaka iintshaba zam ngelize.\n3:53 Zibubhangisile ubomi bam ngokundeyelisela emhadini, zandigibisela ngamatye.\n3:54 Amanzi ahambe phezu kwentloko yam, ndathi, Ndinqanyulwe.\n3:55 Ndinqule igama lakho, Yehova, kongaphantsi umhadi.\n3:56 Izwi lam waliva; musa ukuyifihla indlebe yakho ekubefuzeni kwam, ekuzibikeni kwam.\n3:57 Wasondela ngemini yokukunqula kwam, wathi, Musa ukoyika.\n3:58 Uwathethile amatyala omphefumlo wam, Nkosi yam; ubukhulule ubomi bam ngokubumisela.\n3:59 Ukubonile, Yehova, ukuphenulwa kwam; ligwebe ityala lam.\n3:60 Uyibonile yonke impindezelo yabo, uzivile zonke iingcinga zabo ngam.\n3:61 Ukuvile ukungcikiva kwabo, Yehova, uzivile zonke iingcinga zabo ngam,\n3:62 Umlomo wabo basukela phezulu kum, nezicamango zabo ngam yonke imini.\n3:63 Ukuhlala kwabo nokusuka kwabo kubheke; ndiyingoma yabo.\n3:64 Babuyisele imbuyekezo, Yehova, ngokwezenzo zezandla zabo.\n3:65 Banike ubumfama bentliziyo; intshwabulo yakho mayibe kubo.\n3:66 Basukele ngomsindo, ubatshabalalise, bangabikho phantsi kwamazulu kaYehova.\n4:1 Yoo! Isuke igolide yaba mncumevu; isuke ecikizekileyo, elungileyo, yaba yeyimbi; Asuke aphalazwa amatye engcwele ekujikeni kwezitrato zonke.\n4:2 AbeZiyon abanqabileyo, abamelwe yigolide engcwengiweyo, Yoo! Babalelwa ekubeni yimiphanda yodongwe, umsebenzi wezandla zombumbi.\n4:3 Kanti neempungutye ziyalirhola ibele, zanyise amathole azo; Ke yona intombi yabantu bakowethu isuke yaba sisijorha, njengenciniba entlango.\n4:4 Ulwimi losebeleni lunamathela ekhuhlangubeni lakhe linxano; Abantwana bacela isonka, akukho ubaphulelayo.\n4:5 Ababesidla ubuncwane baphanzile ezitratweni; Ababephathwa ngeengubo ezibomvu bawola amazala.\n4:6 Bukhulile ubugwenxa bentombi yakowethu ngaphezu kwesono seSodom, Yona yabhukuqwayo ngephanyazo, kungasiwanga sandla kuyo.\n4:7 Babeqaqambile ababalulekileyo bayo ngaphezu kwekhephu; baye bemhlophe ngaphezu kwamasi; Babeyingqombela imizimba ngaphezu kwekorale, isibili sabo besinjengesafire;\n4:8 Imbonakalo yabo imnyama ngaphezu kocolothi; Abanakaneki ezitratweni; ulusu lwabo lutshele emathanjeni abo; lomile, lwanjengokhuni.\n4:9 Baneyhweba ababulewe ngekrele kunababulewe yindlala, Bona baphelayo ngokubulawa kukungabikho kweziqhamo zamasimi.\n4:10 Izandla zabafazi abanemfesane zipheke abantwanana babo, Baba kukudla kwabo ekwaphukeni kwentombi yabantu bakowethu.\n4:11 Ubuphelelisile ubushushu bakhe uYehova, ukuphalazile ukuvutha komsindo wakhe; Wafaka umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.\n4:12 Bebengenakukholwa ookumkani behlabathi, nabemi bonke belimiweyo, Ukuba ubengangenayo umbandezeli notshaba emasangweni aseYerusalem.\n4:13 Kungenxa yezono zabaprofeti bayo, nobugwenxa bababingeleli bayo, Abaphalaze igazi lamalungisa phakathi kwayo.\n4:14 Baphamzela beziimfama ezitratweni, bedyobhekile ligazi, Bada abantu ababa nakuchukumisa nezambatho zabo.\n4:15 Sukani, nantso inqambi! Kwatshiwo ukumenyezwa kubo. Sukani, sukani, musani ukuphatha! Bakusaba, baphamzela nalapho, kwathiwa phakathi kweentlanga, Mabangaphindi baphambukele khona.\n4:16 Ubuso bukaYehova bubachithachithile, akasayi kubabheka; Ubuso bababingeleli ababubhekanga, amadoda amakhulu abawababalanga.\n4:17 Thina, amehlo ethu ayaphela, ekhangele uncedo olungamampunge; Ekuboniseleni kwethu sibonisela uhlanga olungayi kusisindisa.\n4:18 Bazingela amanyathela ethu, ukuze singabi nakuhamba ezitratweni zethu; Kusondele ukuphela kwethu, izalisekile imihla yethu; ewe, kufikile ukuphela kwethu.\n4:19 Abasisukelayo banamendu ngaphezu kwamaxhalanga asezulwini; Basisukela ezintabeni ngokushushu, basilalela entlango.\n4:20 Umoya wamathatha ethu, umthanjiswa kaYehova, ubanjisiwe emihadini yabo: Lowo besisithi, Siya kuhlala phantsi komthunzi wakhe ezintlangeni.\n4:21 Yiba nemihlali uvuye kambe, ntombi yakwaEdom, ihleliyo ezweni lakwaUtse; Iya kudlulela nakuwe indebe; uya kunxila, uzihlube.\n4:22 Bugqityiwe ubugwenxa bakho, ntombi inguZiyon; Akayi kuphinda akufuduse; Uya kubuvelela ubugwenxa bakho, ntombi yakwaEdom. Uya kuzityhila izono zakho.\n5:1 Kukhumbule, Yehova, okusihleleyo; Bheka, uyibone ingcikivo yethu.\n5:2 Ilifa lethu lisuke lenziwa elabasemzini, Izindlu zethu zalunga kwabolunye uhlanga.\n5:3 Siziinkedama, asinabawo; Oma banjengabahlolokazi.\n5:4 Amanzi ethu siwasela ngesilivere; Iinkuni zethu ziza kuthi ngexabiso.\n5:5 Intshutshiso iphezu kwentamo yethu; Sidiniwe, asinakuphumla.\n5:6 Isandla sisinika amaYiputa, Nama-Asiriya, ukuba sihluthe sisonka.\n5:7 Oobawo bonile, abasekho; Thina sithwele ubugwenxa babo.\n5:8 Silawulwa ngabakhonzi; Akukho usiqhiwulayo ezandleni zabo.\n5:9 Isonka sethu sisizuza ngomphefumlo wethu usisichenge. Ngenxa yekrele lasentlango.\n5:10 Ulusu lwethu luyavutha njengeziko Ngenxa yolophu lwendlala.\n5:11 Badlwengule abafazi eZiyon, Iintombi emizini yakwaYuda.\n5:12 Baxhome abathetheli ngezandla; Ubuso bamadoda amakhulu abubekwa.\n5:13 Amadodana athwala amatye okusila, Amakhwenkwe akhubeka phantsi kweenkuni.\n5:14 Amadoda amakhulu aphezile ukuya esangweni; Amadodana, ekubetheni uhadi.\n5:15 Iphelile imihlali yentliziyo yethu, Ukuqamba kwethu kujike kwaba kukumbambazela.\n5:16 Siwile isithsaba entlokweni yethu; Yeha ke thina! kuba sonile.\n5:17 Ngenxa yoko ityhafile intliziyo yethu; Ngenxa yezo zinto amnyama amehlo ethu;\n5:18 Ngenxa yentaba yaseZiyon, kuba ibharhile, Kuhamba iimpungutye phezu kwayo.\n5:19 Wena, Yehova, uhleli ngonaphakade; Itrone yakho ikwisizukulwana ngesizukulwana.\n5:20 Yini na ukuba usilibale ngonaphakade, Usilahle imihla emide?\n5:21 Sibuyisele kuwe, Yehova; sobuya; Hlaziya imihla yethu njengokwamandulo.\n5:22 Ungaba usicekise mpela na, Wanoburhalarhume kuthi ngokukhulukazi na?","title":"Xhosa Bible: Lamentations","type":"page"}
