{"collection":"Bible & Christianity","html_url":"https://unchartedknowledge.5gfusion.net/browse/bib/wb/xho/plm.htm","path":"bib/wb/xho/plm.htm","source_url":"https://sacred-texts.com/bib/wb/xho/plm.htm","text":"1:1 UPawulos, umbanjwa kaKristu Yesu, noTimoti umzalwana, babhalela uFilemon oyintanda, osebenzisana nathi,\n1:2 noApiya isithandanekazi sethu, noArkipo umphumi-mkhosi nathi, nebandla elisendlwini yakho;\n1:3 bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Kristu.\n1:4 Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhumbula emithandazweni yam,\n1:5 ndiluva nje olwakho uthando, nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu, nakubo bonke abangcwele,\n1:6 ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, kuse kuKristu Yesu.\n1:7 Kuba sinovuyo nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana.\n1:8 Kungoko endithi, nakuba ndinako ukungafihlisi okukhulu kuKristu, kokuba ndikuthethele okufanelekileyo,\n1:9 noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndingonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu.\n1:10 Ndikubongoza ngenxa yomntwana wam, uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni;\n1:11 obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum unoncedo oluhle.\n1:12 Lowo ndimbuyisele kuwe; wena ke mamkele, oko kukuthi, yamkela izibilini zam;\n1:13 ebendinga mna ndingasendihlala naye apha, ukuze athi endaweni yakho andilungiselele, ndisezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi;\n1:14 kodwa andithandanga kwenza nto, ungatshongo wena, ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma.\n1:15 Kuba mhlawumbi wahlukaniswa umzuzwana nawe ngenxa yoku, ukuze umzuze ngokwaphakade;\n1:16 engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi?\n1:17 Ngoko ke, ukuba unobudlelane nam, mamkele njengam.\n1:18 Ukuba wakona, nokuba unetyala kuwe, oko kubalele kum.\n1:19 Mna Pawulos ndikubhale ngesam isandla ukuthi, mna ndokuhlawula; endingatshoyo kuwe ukuthi, kum unetyala elingaphezulu, elinguwe ngokwakho.\n1:20 Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini.\n1:21 Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba uya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo.\n1:22 Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa.\n1:23 Uyakubulisa uEpafras, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu,\n1:24 kwanoMarko, noAristarko, noDemasi, noLuka, abasebenzisana nam.\n1:25 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu. Amen.","title":"Xhosa Bible: Philemon","type":"page"}
