Uncharted Knowledge Wisdom From Previous Realities View as JSON for agents & LLMs

Bible & Christianity

Xhosa Bible: James

1:1 UYakobi, umkhonzi kaThixo neNkosi uYesu Kristu, ubhalela izizwe ezilishumi elinazibini eziziintsali, ebulisa. 1:2 Kubaleleni ekuthini kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nithe nagaxeleka ezilingweni ngezilingo, 1:3 nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde. 1:4 Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto. 1:5 Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa. 1:6 Ke makacele ekholwa, engathandabuzi; kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka. 1:7 Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi. 1:8 Indoda emphefumlo umbaxa iyahlozinga kuzo zonke iindlela zayo. 1:9 Ke umzalwana othobekileyo makaqhayise ngako ukuphakama kwakhe; 1:10 osisityebi ke makaqhayise ngako ukuthobeka kwakhe; ngokuba uya kudlula njengentyantyambo yengca. 1:11 Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; siya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso. 1:12 Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo. 1:13 Makungabikho namnye utshoyo akuhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena. 1:14 Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko. 1:15 Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono, sakuba sikhulelwe, sizale ukufa. 1:16 Musani ukulahlekiswa, bazalwana bam baziintanda. 1:17 Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sesaphezulu; sihla sivela kuye uYise wezikhanyiso, ongenabuyambo nasithunzi sakujika. 1:18 Uthandile, wasizala ngelizwi lenyaniso, ukuze sibe yintlahlela yazo izidalwa zakhe. 1:19 Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba; 1:20 kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo. 1:21 Kungoko endithi, yithini, nibubekile nxamnye bonke ubunyhukunyhuku nokuphuphuma ulunya, namkele ninobulali ilizwi elimiselweyo kuni, elinako ukuyisindisa imiphefumlo yenu. 1:22 Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizidephisela. 1:23 Ngokuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini; 1:24 kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na. 1:25 Ke yena oqondela emthethweni ogqibeleleyo wayo inkululeko, ahlale ehleli kuwo, lowo, ethe nje akaba ngumphulaphuli olibalayo, esuke waba ngumenzi womsebenzi: yena uya kuba noyolo ekwenzeni kwakhe. 1:26 Ukuba ubani kuni uba ungonqulayo, abe engalubambi ngomkhala ulwimi lwakhe, elukuhla intliziyo yakhe, unqulo lwalowo alunto yanto. 1:27 Unqulo lona oluhlambulukileyo, olu ngadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni, yabo: kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi. 2:1 Bazalwana bam, musani ukukuphatha ngokukhetha buso bamntu, ukukholwa yiNkosi yethu yozuko, uYesu Kristu. 2:2 Kuba, xa kuthe kwangena endlwini yenu yesikhungu indoda enemisesane yegolide, inengubo eqaqambileyo; kwaza ke kwangena ihlwempu, lineengubo ezimdaka; 2:3 naza nakhangela kulowo uvethe ingubo eqaqambileyo, nathi kuye, Hlala apha kakuhle wena; nathi kulo ihlwempu, Yima phaya wena; mhlawumbi, Hlala phantsi apha ngasesihlalweni seenyawo zam: 2:4 anicalulanga na ke phakathi kwenu, naba ngabagwebi abanezicamango ezingendawo? 2:5 Yivani, bazalwana bam baziintanda: uThixo akawanyulanga na amahlwempu eli hlabathi, ukuba abe zizityebi zokholo, neendlalifa zobukumkani, awababeka ngedinga abo bamthandayo? 2:6 Ke nina nilihlazisile ihlwempu. Izityebi azinishicileli na? Zona azinirholeli ematyaleni na? 2:7 Zona azilinyelisi na igama elihle elo, nabizwa ngalo? 2:8 Ukuba okunene niyawuzalisa umthetho wakomkhulu, ngokwesibhalo esithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako, nityaphile; 2:9 kodwa ukuba nikhetha ubuso bomntu, nisebenza isono, niyohlwaywa ngumthetho ngokwabagqithi. 2:10 Kuba yena oya kuwugcina umthetho uphela, akhubeke mthethweni mnye, unetyala layo yonke. 2:11 Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho. 2:12 Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nenze njengabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko. 2:13 Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; kananjalo inceba iyawuqhayisela umgwebo. 2:14 Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi unokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe? 2:15 Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, bathi bahambe ze, beswele ukudla imihla ngemihla, 2:16 athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningabaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba: kunceda ntoni na? 2:17 Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo. 2:18 Wosuka omnye, athi, Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi; ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi yakho; nam ndokubonisa ngokwasemisebenzini yam ukholo lwam. 2:19 Wena uyakholwa ukuba uThixo mnye; uyatyapha; nazo iidemon ziyakholwa, zibe namanwele. 2:20 Uyathanda na ke ukwazi, mntundini ungento, ukuba ukholo olu, ingekho imisebenzi, lufile? 2:21 UAbraham, ubawo wethu, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akumnikela uIsake, unyana wakhe, phezu kwesibingelelo? 2:22 Uyabona ukuba ukholo lwalusebenzisana nemisebenzi yakhe, lwenziwa wagqibelela ukholo ngokwasemisebenzini? 2:23 Saza sazaliseka isibhalo esithi, Wakholwa ke uAbraham nguye uThixo; kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye, wabizwa ngokuba sisihlobo sikaThixo. 2:24 Niyabona ke ngoko, ukuba umntu uyagwetyelwa ngokwasemisebenzini; kungabi ngokwaselukholweni lodwa. 2:25 Ngokunjalo ke, noRahabhi, ihenyukazi, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akubamkela ngobubele abathunywa, abakhuphele phandle ngayimbi indlela? 2:26 Kuba, kwanjengokuba umzimba, ungekho umoya, ufile, ngokunjalo ukholo, ingekho imisebenzi, lufile nalo. 3:1 Musani ukuba ngabafundisi abaninzi, bazalwana bam, nisazi nje ukuba siya kwamkela olona lukhulu ugwebo. 3:2 Kuba siyakhubeka kaninzi sonke. Ukuba umntu akakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, enako ukuwubamba ngomkhala nawo umzimba uphela. 3:3 Yabona, sifaka imikhala emilonyeni yamahashe, ukuba asithambele, siwajike umzimba wawo uphela. 3:4 Yabona, nayo imikhombe, imikhulu kangaka nje, iqhutywa nje yimimoya enamandla, ijikwa ngomthi wokujika omncinanana, iye apho sukuba umlawuli angxamele ukuba ingaya ngakhona. 3:5 Ngokunjalo nalo ulwimi, lulilungu elincinanana nje, luyagwagwisa kakhulu. Yabona ke, umlilo omncinane utshisa ihlathi elikhulu. 3:6 Nolwimi olu ngumlilo, lihlabathi elizele kukungalungisi; lunjalo ulwimi ukuhlala phakathi kwamalungu ethu. Lona luyawudyobha umzimba uphela, luvuthisa intenda yobomi; lona ke luvuthiswa sisihogo somlilo. 3:7 Kuba zonke iimvelo zezinto ezizitho zine, kwanezeentaka, nezezinambuzane, kwanezezinto eziselwandle, ziyadanjiswa, kanjalo sezikhe zadanjiswa yimvelo eyiyeyabantu; 3:8 ke lona ulwimi alunaye noko amnye ebantwini, unokuludambisa; lubububi obungenakubanjwa, luzele bubuhlungu obubulalayo. 3:9 Ngalo siyambonga uThixo uYise, nangalo siyabaqalekisa abantu abenziwe ngokomfanekiselo kaThixo. 3:10 Kwakulo mlomo mnye kuphuma intsikelelo nengqalekiso. Akufanelekile, bazalwana bam, ukuba ezi zinto zibe nje. 3:11 Umthombo umpompoza amnandi nakrakra kwangelo liso linye, yini na? 3:12 Unako yini na, bazalwana bam, umkhiwane ukuvelisa iinkozo zomnquma, uthi umdiliya uvelise amakhiwane? Ngokunjalo akukho namnye umthombo ongavelisa amanzi amtyuba namnandi. 3:13 Ngubani na olumkileyo, owaziyo kakuhle phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo entle, enobulali bobulumko. 3:14 Ke, ukuba ninomona okrakra neyelenqe entliziyweni yenu, musani ukuyiqhayisela nokuyixoka inyaniso. 3:15 Obo bulumko asibubo obuhla phezulu; bobasemhlabeni, bobemvelo, bobeedemon. 3:16 Kuba apho kukhoyo umona neyelenqe, kubakho isiphithiphithi nemicimbi emibi yonke. 3:17 Ke bona ubulumko baphezulu ukuqala bunyulu, buze bube boboxolo; buyancendezela, buthozame kakuhle, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo; abunankani, abunaluhanahaniso. 3:18 Isiqhamo ke sobulungisa sihlwayelwa ngoxolo ngabo benza uxolo. 4:1 Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu? Aziveli na apha eziyolweni zenu, eziwaphumela umkhosi amalungu enu? 4:2 Niyakhanuka, ningabi nakuzuza nto noko; niyabulala, nizonde, ningabi nakufumana nto noko; niyalwa, nenze imfazwe, ningabi nakuzuza nto ke, ngenxa yokuba ningaceli. 4:3 Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu. 4:4 Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo. 4:5 Okanye niba isibhalo esi sifumana sisitsho na, ukuthi, Umoya owahlala ngaphakathi kwethu ulangazelela ukukhweleta? 4:6 Ke ubabala kakhulu ngakumbi. Kungoko sithi, UThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo. 4:7 Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka. 4:8 Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni, nenze nyulu iintliziyo, nina bamphefumlo umbaxa. 4:9 Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, nalo uvuyo lwenu lube kukuthi dakumba. 4:10 Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa. 4:11 Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana. Lowo uthetha okubi ngomzalwana, amgwebe umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho, agwebe umthetho; ke, ukuba uyawugweba umthetho, akumenzi wamthetho, ungumgwebi. 4:12 Mnye uMmisi-mthetho, lowo unako ukusindisa nokutshabalalisa; ungubani na wena, umgwebayo omnye? 4:13 Wenani kaloku, nina nitshoyo ukuthi, Namhla, nokuba kungomso, siya kuya kulaa mzi, senze khona umnyaka ube mnye, sirhwebe, sizuze; 4:14 kanti nina aba anikwazi kakuhle okwangomso. Kuba buyintoni na ubomi benu? Bungumphunga obonakala ixesha elincinane, uze ke uthi shwaka. 4:15 Endaweni yokuba nithi, Ukuba iNkosi ithe yathanda, saphila, siya kwenza le nto, nalaa nto. 4:16 Ngoku ke niqhayisa ngokuqhankqalaza kwenu; konke ukuqhayisa okunjalo akundawo. 4:17 Ngoko kowaziyo ukwenza okuhle, angakwenzi, kulowo kusisono. 5:1 Wenani kaloku, zityebi, lilani nenze isijwili ngeenkxwaleko zenu ezizayo. 5:2 Ubutyebi benu bubolile, neengubo zenu zidliwe ngamanundu. 5:3 Igolide nesilivere yenu idliwe ngumhlwa; umhlwa wazo uya kuba lingqina ngakuni, uyidle inyama yenu njengomlilo. Niziqwebele ubutyebi ngeemini zokugqibela. 5:4 Yabonani, umvuzo wabasebenzi, abavune amasimi enu, lowo ubandeziweyo nini, uyakhala; kwaye ukubhomboloza kwabavuni abo kungenile ezindlebeni zeNkosi yemikhosi. 5:5 Nadla ubuncwane emhlabeni apha, naxhamla iziyolo, nazondla iintliziyo zenu njengamhla kuxheliweyo. 5:6 Namgweba, nambulala olilungisa; yena akanichasi. 5:7 Nyamezelani ngoko, bazalwana, ide ifike iNkosi. Niyabona, umlimi uyasilinda isiqhamo sawo umhlaba esinexabiso elikhulu, anyamezele ngaso, side samkele eyaphambili neyasemva imvula. 5:8 Nyamezelani nani, zizimaseni iintliziyo zenu, ngokuba ukufika kweNkosi kusondele. 5:9 Musani ukukrokrelana omnye nomnye, bazalwana, ukuze ningagwetywa; yabonani, uMgwebi umi phambi komnyango. 5:10 Bathabatheni, bazalwana bam, abaprofeti ababethetha egameni leNkosi, babe ngumzekelo wokuva ubunzima, nowokunyamezela. 5:11 Yabonani, sithi, banoyolo abo banyamezelayo. Unyamezelo lukaYobhi naluva, nesigqibo seNkosi nasibona, ngokuba iNkosi inemfesane enkulu, inenceba. 5:12 Ke kaloku, ngaphezu kweento zonke, bazalwana bam, musani ukufunga, nokuba lizulu, nokuba ngumhlaba, nokuba sesinye isifungo esiyini; makathi ke uewe wenu abe nguewe, nohayi abe nguhayi, ukuze ningeyeli ekugwetyweni. 5:13 Kukho mntu na phakathi kwenu uva ububi? Makathandaze. Kukho mntu na unomxhelo owonwabileyo? Makenze indumiso. 5:14 Kukho mntu na ufayo phakathi kwenu? Makabizele kuye amadoda amakhulu alo ibandla, athandaze wona phezu kwakhe, akuba emthambisile ngeoli, egameni leNkosi; 5:15 wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse; nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa. 5:16 Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sinamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa. 5:17 UEliya wayengumntu oluvo lunjengolwethu, wathandaza umthandazo ukuba ingani; ayana emhlabeni iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu. 5:18 Wabuya wathandaza, laza izulu lanika imvula, umhlaba wavelisa isiqhamo sawo. 5:19 Bazalwana, ukuba uthe omnye phakathi kwenu walahleka enyanisweni, wathi ubani wamguqula, 5:20 makazi ukuba lowo wamguqulayo umoni ekulahlekeni kwakhe, woba usindise umphefumlo ekufeni, wagubungela inkitha yezono.