Uncharted Knowledge Wisdom From Previous Realities View as JSON for agents & LLMs

Bible & Christianity

Xhosa Bible: Jonah

1:1 Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kuYona, unyana ka-Amitayi, lisithi, 1:2 Suk’ ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo; kuba iindawo zawo ezimbi zinyukile, zeza phambi kwam. 1:3 Wesuka uYona, ebalekela eTarshishe, emka ebusweni bukaYehova. Wehla ke waya eYafo, wafumanana nenqanawa eya eTarshishe. Wayirhola ingqesho yayo, wehla, wangena kuyo, ukuze aye nabo eTarshishe, emke ebusweni bukaYehova. 1:4 Ke uYehova wagalelekisa umoya omkhulu elwandle; kwabakho umoya omkhulu ovuthuzayo elwandle, inqanawa leyo yanga iza kwaphuka. 1:5 Boyika oomateloshe, bakhala elowo kuthixo wakhe; bayijulela elwandle impahla ebisenqanaweni, ukuziphungulela bona. UYona ke wayehle waya ezantsi enqanaweni, wasindwa bubuthongo walala. 1:6 Wasondela kuye umphathi wababheqi, wathi kuye, Wenzani na, thongorhandini? Vuka, ubize kuThixo wakho; mhlawumbi uThixo angasikhumbula, singabhubhi. 1:7 Bathi omnye komnye, Yizani, senze amaqashiso, sazi ukuba kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi. Benza amaqashiso, iqashiso laphuma noYona. 1:8 Bathi kuye, Khawusixelele, kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi? uyintoni na umsebenzi wakho? uvela phi na? liphi na ilizwe lakowenu? ungowabaphi na abantu? 1:9 Wathi kubo, NdingumHebhere; ndiyamoyika uYehova, uThixo wamazulu, owenza ulwandle, nomhlaba lo womileyo. 1:10 Oyika amadoda lawo ngoloyiko olukhulu, athi kuye, Yintoni na le uyenzileyo? Ngokuba amadoda lawo ayesazi ukuba ubaleka emka ebusweni bukaYehova; kuba wayewaxelele. 1:11 Athi kuye, Masenze ntoni na kuwe, ukuze ulwandle ludambe, lusiyeke? Kuba ulwandle belusiya lusilwa. 1:12 Wathi kuwo, Ndifunquleni, nindijulele elwandle, ludambe ulwandle, luniyeke; kuba ndiyazi, ukuba lo moya, mkhulu uvuthuzayo, uphezu kwenu, ungenxa yam. 1:13 Atyhudisa emazeni amadoda, ezama ukuyibuyisela emhlabeni owomileyo inqanawa; akhohlwa, kuba ulwandle lwaya lusilwa phezu kwazo ngeenxa zonke. 1:14 Anqula uYehova, athi, Gxebe, Yehova, masingafi, masingafi ngomphefumlo wale ndoda, ungalibeki phezu kwethu igazi elimsulwa; ngokuba wena, Yehova, wenze ngokuthanda kwakho. 1:15 Amfunqula ke uYona, amjulela elwandle; lwazola ulwandle, lwakuyeka ukujala kwalo. 1:16 Amadoda amoyika uYehova ngoloyiko olukhulu, abingelela kuYehova umbingelelo, abhambathisa izibhambathiso. 1:17 UYehova wamisela intlanzi enkulu ukuba imginye uYona. UYona waba sembilinini wentlanzi iimini ezintathu nobusuku obuthathu. 2:1 UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe embilinini wentlanzi, wathi, Ndakhala kuYehova ndisembandezelweni, Wandiphendula; 2:2 Ndazibika ndisesiswini selabafileyo, Waliva wena ilizwi lam. 2:3 Ngokuba wawundiphosa enzulwini, embilinini yeelwandle, Umlambo waba ngeenxa zonke kum; Adlula phezu kwam onke amaza akho alwayo, namaza akho agugumayo. 2:4 Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho; Noko ke ndiya kubuya ndibheke etempileni yakho engcwele. 2:5 Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni; Andijikeleza amanzi enzonzobila; Ingca yolwandle yayithi jize intloko yam. 2:6 Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba; Lona ihlabathi, imivalo yalo yandivalela ngonaphakade; Wasuka wabunyusa emhadini ubomi bam, Yehova Thixo wam. 2:7 Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova: Wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele. 2:8 Abagcine amampunge angento yanto Bashiya inceba yabo 2:9 Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela: Endakubhambathisayo ndiya kukuzalisa. Usindiso lukuYehova. 2:10 UYehova wathetha nentlanzi, yamhlanzela uYona emhlabeni owomileyo. 3:1 Kwafika ilizwi likaYehova kuYona okwesibini, lisithi, 3:2 Suk’ ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo umemezo endithetha lona kuwe. 3:3 Wesuka ke uYona, waya eNineve ngokwelizwi likaYehova. Ke kaloku iNineve ibingumzi omkhulu kuThixo, iluhambo lweentsuku ezintathu. 3:4 UYona waqala wangena kuloo mzi uhambo losuku olunye, wamemeza, wathi, Zisaya kuba ziintsuku ezimashumi mane, iNineve ibhukuqwe. 3:5 Amadoda aseNineve akholwa kuThixo, amema uzilo, ambatha ezirhwexayo, ethabathela kwabakhulu bawo, esa kwabancinane bawo. 3:6 Lafika ilizwi elo kukumkani waseNineve; wesuka etroneni yakhe, wayisusa wayibeka phantsi ingubo yakhe ende, wazigubungela ngezirhwexayo, wahlala phantsi eluthuthwini. 3:7 Wathi, makudandulukwe kutshiwo eNineve ngomthetho wokumkani nezikhulu zakhe, ukuthi: Umntu nempahla enkulu, iinkomo nempahla emfutshane, mazingevi nento; mazingadli, mazingaseli namanzi; 3:8 maze azigubungele ngezirhwexayo umntu nempahla enkulu, akhale kuThixo ngokunamandla, abuye elowo endleleni yakhe embi, elugonyamelweni olusezandleni zakhe. 3:9 Ngubani na owaziyo ukuba akangebuyi kanti azohlwaye uThixo, abuye ekuvutheni komsindo wakhe, ukuze singabhubhi? 3:10 UThixo wazibona izenzo zabo, ukuba babuyile ezindleleni zabo ezimbi; uThixo wazohlwaya ngenxa yobubi, abethe uya kubenza kubo; akabenza. 4:1 Kwaba kubi kuYona kakhulu, wavutha ngumsindo. 4:2 Wathandaza kuYehova, wathi, Camagu, Yehova! Labe lingelilo na ilizwi lam eli, ndisesemhlabeni wakowethu? Ngenxa yoko ndaphanga ngokubalekela eTarshishe; ngokuba ndandisazi ukuba unguThixo obabalayo, onemfesane, ozeka kade umsindo, onenceba enkulu, ozohlwayayo ngenxa yobubi. 4:3 Ke ngoku, Yehova, seluwuthabatha umphefumlo wam kum, kuba ukufa kum kulungile kunokuba ndidle ubomi. 4:4 Wathi uYehova, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo? 4:5 Waphuma ke uYona kuwo umzi, wahlala ngasempumalanga kuwo umzi, wazenzela khona umnquba; wahlala ngaphantsi kwawo emthunzini, ukuze ade abone ukuba kuya kuthekani na kuwo umzi. 4:6 UYehova uThixo wammisela umhlavuthwa; waphuma, wenyuka waba phezu koYona, ukuba ube ngumthunzi entlokweni yakhe, umhlangule ebubini bakhe. Wawuvuyela uYona umhlavuthwa lowo, wawuvuyela kakhulu. 4:7 UThixo wamisela intlava, ukuthi qhiphu kokusa ngengomso, yabetha umhlavuthwa lowo, woma. 4:8 Kwathi ekuphumeni kwelanga, uThixo wamisela ulophu lwasempumalanga; ilanga labetha kuYona entloko, wawa isiduli; wawucelela ukufa umphefumlo wakhe, wathi, Kulungile ukufa kum, kunokuba ndidle ubomi. 4:9 Wathi uThixo kuYona, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo ngenxa yomhlavuthwa? Wathi, Ndiyalungisa ukuthi ndivuthe ngumsindo kude kuse ekufeni. 4:10 Wathi uThixo, Wena unenceba ngomhlavuthwa, ongabulalekanga nguwo, ongawuhlumisanga, okhule ngobusuku, wadaka ngobusuku: 4:11 ndingabi nanceba na ke mna ngenxa yeNineve, loo mzi mkhulu, unabantu abangaphezu kwekhulu elinamanci mabini amawaka, abangakwaziyo ukunene kwabo kwikhohlo labo; kwanempahla enkulu eninzi?