Uncharted Knowledge Wisdom From Previous Realities View as JSON for agents & LLMs

Bible & Christianity

Xhosa Bible: Song of Solomon

1:1 Ingoma yazo iingoma, eyekaSolomon. 1:2 Makandange ngokwanga komlomo wakhe; Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini. 1:3 Amafutha akho anevumba elimnandi; Liyioli ethululwayo igama lakho; Ngenxa yoko iintombi ziyakuthanda. 1:4 Nditsale, sogidima emva kwakho; Ukuba ukumkani undingenise ezingontsini zakhe, Sogcoba, sivuye ngawe. Sozikhankanya izincokoliso zakho ngaphezu kwewayini; Zikuthanda zinyanisile. 1:5 Ndimnyama, ndinomkhitha noko, Zintombi zaseYerusalem, Njengeentente zakwaKedare, Njengamalengalenga kaSolomon. 1:6 Musani ukundikhangela ngakuba ndife mnyama, Ngakuba nditshe lilanga. Oonyana bakama bandivuthela ngomsindo, Bandenza umlindi wezidiliya; Ke esisesam isidiliya andisilindanga. 1:7 Khawundixilele, wena uthandwa ngumphefumlo wam, Walusela phi na? Uyibuthisa phi na imihlambi emini enkulu? Ngokuba kungani na ukuba ndibe njengogqubutheleyo Ngasemihlambini yamakholwane akho? 1:8 Ukuba akwazi, nzwakazindini phakathi kweentokazi, Phuma, uhambe ngemikhondo yomhlambi, Uwaluse amatakane akho ngaseminqubeni yabalusi. 1:9 Ndikufanekise, wethu, Nehashe kwaweenqwelo zikaFaro! 1:10 Zinomkhitha izidlele zakho ziingcaca, Umqala wakho zizidanga. 1:11 Sokwenzela iingcaca zegolide Ezinamaqhula esilivere. 1:12 Xa ukumkani asesetafileni yakhe, Inadusi yam isuka ilikhuphe ivumba layo. 1:13 Sisiqhuma semore intanda yam kum, Esihleli phakathi kwamabele am. 1:14 Sisihloko sekofere intanda yam kum Ezidiliyeni zase-Engedi. 1:15 Yabona, uyinzwakazi, wethu! Yabona, uyinzwakazi! Amehlo akho anjengawamavukuthu. 1:16 Yabona, uyinzwakazi, ntanda yam; ewe, umnandi; Umandlalo wethu uluhlaza. 1:17 Imiqadi yendlu yethu yimisedare, Iipanele zethu yimisipres. 2:1 Ndingumfiyo waseSharon, Ndiyinyibiba yasezintlangeni. 2:2 Njengenyibiba phakathi kweminga, Unjalo uwethu phakathi kweentombi. 2:3 Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi, Injalo intanda yam phakathi koonyana. Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo, Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam. 2:4 Indingenise endlwini yewayini, Nebhanile yayo phezu kwam luthando. 2:5 Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi, Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando. 2:6 Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam; Esokunene siyandiwola. 2:7 Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande. 2:8 Phulaphulani! Intanda yam, nantso isiza, Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini. 2:9 Intanda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama. Nantso imi emva kodonga lwakokwethu, Ithe nzo ngeefestile, Inyondla ngekroba. 2:10 Intanda yam yasusela, yathi kum, Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze; 2:11 Ngokuba uyabona, ubusika budlule, Imvula igqithile yemka; 2:12 Iintyantyambo zibonakele ezweni; Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile; Izwi lehobe ivakele ezweni lethu; 2:13 Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo, Imidiliya ityatyambile, Itsho ngevumba elimnandi. Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze. 2:14 Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba, Ndibonise ubuso bakho, ndivise ilizwi lakho; Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha. 2:15 Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya; Izidiliya zethu zityatyambile. 2:16 Intanda yam yeyam, mna ke ndingowayo Yalusela ezinyibibeni. 2:17 Ide iphole imini, oluke amathunzi, Jika, ntanda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama, Ezintabeni ezibugqagala. 3:1 Esililini sam ebusuku ndamfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam; Ndamfuna andamfumana. 3:2 Ndathi, Ndokha ndivuke, ndijikajike phakathi komzi, Ezindaweni zembutho nasezitratweni; Ndiya kumfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam. Ndamfuna andamfumana. 3:3 Abalindi abajikajika phakathi komzi bandifumana; Ndathi kubo, Khe nambona na lowo uthandwa ngumphefumlo wam? 3:4 Ndithe ndisandula ukudlula kancinane kubo, Ndamlumana lowo uthandwayo ngumphefumlo wam; Ndambamba, andamyeka, Ndada ndamzisa endlwini kama, Engontsini yowandikhawulayo. 3:5 Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande. 3:6 Ngubani na lo, unyuka evela entlango njengemiqulu yomsi, Eqhunyiselwa ngemore nentlaka emhlophe, Ithatyathwe emigutyeni yonke yomrhwebi? 3:7 Yabona, sisingqengqelo sikaSolomon, Siphahlwe ngamagorha angamashumi amathandathu Kumagorha akwaSirayeli. 3:8 Onke aphethe amakrele, afundiswe ukulwa, Lilelo linekrele ethangeni lalo Ngenxa yokoyika ebusuku. 3:9 Ukumkani uSolomon uzenzele ithala Ngemithi yaseLebhanon. 3:10 Iintsika zalo uzenze ngesilivere, Isayamo salo ngegolide, umqamelo walo ngento emfusa, Umphakathi walo ubekelelwe ngothando, Luvela ezintombini zaseYerusalem. 3:11 Phumani, zintombi zaseZiyon, nimkhangele ukumkani uSolomon, Enesithsaba, awasinxitywa ngunina ngemini yokuzeka kwakhe, Nangemini yokuvuya kwentliziyo yakhe. 4:1 Yabona, uyinzwakazi, wethu; yabona, uyinzwakazi. Amehlo akho anjengawamavukuthu ngaphaya kwesigqubuthelo sakho; Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Osemathambekeni eentaba zaseGiliyadi. 4:2 Amazinyo akho anjengomhlambi weegusha ezichetyiweyo, Ezinyukayo zivela ekuhlanjweni, Zinamawele zonke, Kungekho ifelweyo kuzo. 4:3 Unjengosinga olubomvu umlomo wakho; Ukuthetha kwakho kumnandi. Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho. 4:4 Intamo yakho injengenqaba kaDavide, eyakhiwe ngokweendidi, Ekuxhonywe kuyo iwaka leengweletshetshe, Onke amakhaka amagorha. 4:5 Amabele akho omabini anjengamankonyana amabini angamawele ebhadi, Esidla phakathi kweenyibiba. 4:6 Ide iphole imini, oluke amathunzi, Ndiya kuhamba ndiye entabeni yemore, Nasendulini yentlaka emhlophe. 4:7 Uyinzwakazi kwaphela, wethu; Akukho siphako kuwe. 4:8 Yiza sihle eLebhanon, mtshakazi, Yiza sihle eLebhanon; Ufike ubonisele encotsheni yeAmana, Encotsheni yeSenire neHermon, Ezikhundleni zeengonyama, ezintabeni zezingwe. 4:9 Uyingxwelerhile intliziyo yam, dade wethu, mtshakazi; Uyingxwelerhile intliziyo yam ngomjezulo omnye, Ngamrhukane mnye wesambalo sakho. 4:10 Azi kuhle ukuncokolisa kwakho, dade wethu mtshakazi! Azi kumnandi ukuncokolisa kwakho ngaphezu kwewayini, Nevumba lamafutha akho ngaphezu kobulawu buphelele! 4:11 Umlomo wakho uvuza incindi, mtshakazi; Bubusi namasi ngaphantsi kolwimi lwakho. Ivumba leengubo zakho linjengevumba leLebhanon. 4:12 Ngumyezo obiyelweyo udade wethu, umtshakazi; Ngumgogogo ovaliweyo, liliso lomthombo elitywiniweyo. 4:13 Amahlumelo akho ngumyezo wemirharnate, kunye neziqhamo ezimnandi kakhulu, Ikofere kunye nenadusi; 4:14 Inadusi nesafron, Ikalamo nesinamon, kunye nemithi yonke yentlaka emhlophe, Imore nehaloti, kunye nobulawu bonke obuyintloko. 4:15 Uliliso lomthombo lasemiyezweni, Iqula lamanzi aphilileyo, Nemiqukuqela yamanzi yaseLebhanon. 4:16 Vuka, moya wasentla, uze nawe wasezantsi: Phephezela emyezweni wam, buqukuqele ubulawu bawo. Mayingene intanda yam emyezweni wayo, Idle isiqhamo esimnandi kakhulu. 5:1 Ndingenile emyezweni wam, dade wethu, mtshakazi wam; Ndiyikhile imore yam kunye netyeleba lam; Ndiyidlile intlango yam kunye nencindi yam; Ndiyisele iwayini yam kunye namasi am. Yidlani bethu, Selani nibe mnandi, zintanda. 5:2 Ndilele, yona intliziyo yam iphaphamile. Yiva, nantso intanda yam inkqonkqoza, isithi, Ndivulele, dade wethu, vukuthu lam, ngqibeleli yam, Ngokuba intloko yam izele ngumbethe, Isihlwitha sam sizele ngamathontsi obusuku. 5:3 Ndathi, Sendikhulule nengubo yam yangaphantsi; ndothini na ukubuya ndinxibe? Sendizihlambile iinyawo zam, ndothini na ukubuya ndizidyobhe? 5:4 Intanda yam yasolula isandla sayo ngekroba; Kwasika esiswini ngenxa yayo. 5:5 Ndavuka ndaya kuyivulela intanda yam, Nezandla zam zavuza imore; Neminwe yam, imore eyivuzelayo Esiphathweni sesitshixo. 5:6 Ndayivulela mna intanda yam; Ke yona intanda yam ibijike yemka. Ndemkelwa ngumbilini yakuthetha; Ndayifuna, andayifumana; Ndayibiza, ayasabela. 5:7 Bandifumana abalindi abajikajika phakathi komzi, Bandibetha, bandilimaza; Abalindi beendonga bandilulutha ingubo yam yokwaleka ekrelekrele. 5:8 Ndiyanifungisa, zintombi zaseYerusalem, ukuba nithe nayifumana intanda yam, Into enoyixelela yona, nothi, ndiyafa luthando. 5:9 Iyintoni na intanda yakho kunezinye iintanda, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Iyintoni na intanda yakho kunezinye, Ukuba wenjenje ukusifungisa? 5:10 Intanda yam iqaqambile, iyingqombela, Iyeyongamileyo ngaphezu kwamawaka alishumi. 5:11 Intloko yayo iyigolide engcwengiweyo, ecikizekileyo; Isihlwitha sayo siziinduli ngeenduli, simnyama njengehlungulu. 5:12 Amehlo ayo anjengawamavukuthu, engasemifuleni yamanzi, Ezihlamba ngamasi, ehleli njengamatye afakwe kakuhle. 5:13 Izidlele zayo zinjengemityino yetyeleba, njengeziganga zezityalo zokuqhola; Umlomo wayo unjengeenyibiba, uvuza imore ezivuzelayo. 5:14 Izandla zayo ziintonga zegolide, zifakwe amatye aseTarshishe, Isibili sayo siluphondo lwendlovu, lukrwilwe ngesafire. 5:15 Imilenze yayo ziintsika zemarmore emhlophe, zifakwe ezisekweni zegolide engcwengiweyo. Isithomo sayo sinjengeLebhanon, sisihle njengemisedare. 5:16 Ikhuhlangubo layo linobumnandi; inqwenelekile yona iphela. Yiyo leyo intanda yam; nguye lowo uwethu, Zintombi zaseYerusalem. 6:1 Iye phi na intanda yakho, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Ibheke ngaphi na intanda yakho, Ukuze sikufunise? 6:2 Intanda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba, Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba. 6:3 Mna ndingowentanda yam, nentanda yam yeyam yona; Yalusela ezinyibibeni. 6:4 Uyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa, Unomkhitha njengeYerusalem; Woyikeka njengemikhosi eneebhanile. 6:5 Wasuse amehlo akho kum, Ngokuba andiqwelile. Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Ezisemathambekeni aseGiliyadi. 6:6 Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegusha Ezinyukayo, zivela ekuhlanjweni, Zonke zizele amawele, Kungekho ifelweyo kuzo. 6:7 Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho, Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho. 6:8 Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibhozo amashweshwe, Neentombi ezingenakubalwa. 6:9 Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam; Mnye yena kunina, Umnyulwa walowo wamzalayo. Zambona iintombi, zathi unoyolo, Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe. 6:10 Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo, Mhle njengenyanga, Unyulu njengelanga, Woyikeka njengemikhosi eneebhanile? 6:11 Bendihle ndaya emyezweni weminoti, Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo, Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na, Imirharnate ityatyambile na. 6:12 Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibeke Ezinqwelweni zabantu bam, zamanene. 6:13 Buya, buya, mShulamikazi; Buya, buya, sikubone. Nibona ntoni na kumShulamikazi, Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim? 7:1 Azi kuhle ukunyathela kwakho ngeembadada, ntombi yenene! Izimbo zamanqe akho zinjengezidanga, Umsebenzi wezandla zengcibi. 7:2 Inkaba yakho sisidendeleko esiyinqila; Masingasweli iwayini ephithikeziweyo; Isisu sakho sisidimbilili sengqolowa, Sibiyelwe ngeenyibiba. 7:3 Amabele akho omabini anjengamankonyana ebhadi, Amankonyana amabini ebhadi, angamawele. 7:4 Intamo yakho injengenqaba yophondo lwendlovu; Amehlo akho ngamachibi aseHeshbhon, Ngasesangweni layo, inabantu abaninzi; Impumlo yakho injengenqaba yaseLebhanon Ebheke eDamasko. 7:5 Intloko yakho phezu kwakho injengeKarmele, Ubuyakayaka bentloko yakho bunjengosinga olumfusa; Ukumkani ukhonkxwe ngeenjiko zabo. 7:6 Azi umhle, azi umnandi, Luthando, eziyolweni! 7:7 Iwonga lakho eli lifana nomthi wesundu; Amabele akho afana nezihloko zomdiliya. 7:8 Ndathi, Ndiya kuminya emthini wesundu; Ndiya kubambelela emagqabini awo; Amabele akho makabe njengezihloko zomdiliya, Nevumba lempumlo yakho libe njengeeapile; 7:9 Nekhuhlangubo lakho libe njengewayini le ilungileyo, Ihla kamnandi kwintanda yam, Ibanga ukuba uthethe umlomo wabaleleyo. 7:10 Mna ndingowentanda yam, Kukum ukungxamela kwayo. 7:11 Hamba, ntanda yam, siphume siye emaphandleni, Silale emizaneni. 7:12 Masivuke kusasa, siye ezidiliyeni, Sibone ukuba umdiliya unamathupha na, iintyantyambo zawo zibhenqekile na, Imirharnate ityatyambile na. Ndokunika apho izincokoliso zam. 7:13 Amathuma apha anevumba; Phezu kweminyango yethu ziziqhamo ngeziqhamo ezimnandi kakhulu, ezitsha kwanezidala, Endiziqwebele wena, ntanda yam. 8:1 Akwaba ubunjengomnakwethu Obesanya amabele kama! Bendingathi, ndikufumene phandle, ndikwange, Bangandideli noko. 8:2 Bendiya kukuqhuba, bendiya kukusa endlwini kama; Ubuya kundifundisa. Bendiya kukuseza iwayini eqholiweyo, Nencindi yomrharnate wam. 8:3 Isandla sayo sokhohlo besiya kuba phantsi kwentloko yam, Esokunene sayo sindiwole. 8:4 Zintombi zaseYerusalem, ndiyanifungisa, Ningathini na ukuluvusa, ningathini na ukuluvuselela uthando, Lude luthande? 8:5 Ngubani na lo unyuka evela entlango, Esayama intanda yakhe? Ngaphantsi komapile lo ndakuvusa wena. Khona apha waba nenimba ngawe unyoko, Khona apha waba nenimba owakuzalayo. 8:6 Ndibeke njengomsesane wokutywina entliziyweni yakho, njengomsesane wokutywina engalweni yakho. Ngokuba uthando lunjengokufa, ukuba nengcwangu, Ubukhwele bunjengelabafileyo, ukuba lukhuni: Amalangatye abo ngamalangatye omlilo, Ngamadangatye kaYehova. 8:7 Amanzi amaninzi akanakulucima uthando; Imilambo ayinakuluntywilisela. Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando, Ingadelwa ideliwe. 8:8 Sinomsakwethu omncinane, Akakabi namabele. Siya kuthini na ngomsakwethu, Mini aganelweyo? 8:9 Ukuba uludonga yena, Siya kwakha phezu kwalo uqoqo lwesilivere; Ukuba ungumnyango, Somrhaqa ngamaceba omsedare. 8:10 Ndaba ludonga mna, namabele am anjengenqaba; Ndaza emehlweni ayo ndaba njengo fumene uxolo. 8:11 USolomon ubenesidiliya eBhahali-amon, Isidiliya wasinikela kubagcini, Ukuze elowo azise iwaka lesilivere ngesiqhamo saso. 8:12 Isidiliya sam, esisesam, sona siselulawulweni lwam; Iwaka elo lelakho, Solomon; Amakhulu amabini ngawabagcini besiqhamo saso. 8:13 Wena uhleliyo emiyezweni, Amakholwane alibazela indlebe izwi lakho, Ndivise. 8:14 Dloba, ntanda yam, Uxelise ibhadi namankonyana amaxhama Ezintabeni zobulawu.