Uncharted Knowledge Wisdom From Previous Realities View as JSON for agents & LLMs

Bible & Christianity

Xhosa Bible: Lamentations

1:1 Yoo! Uhleli wodwa, umzi obantu baye bebaninzi; Obe umkhulu ezintlangeni Usuke waba njengomhlolokazi; umthethelikazi emazweni Usuke waba ngofakwa uviko. 1:2 Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe; Akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe; Onke amakholwane akhe ammenezelele, Aba lutshaba kuye. 1:3 UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi; Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla; Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni. 1:4 Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabaya emithendelekweni; Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina; Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo. 1:5 Ababandezeli bayo basuka bayintloko; iintshaba zayo zinobunqobo; Ngokuba uYehova uyenze yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi; Abantwana bayo bemkile, bathinjiwe, baqhutywa ngumbandezeli. 1:6 Buphumile entombini enguZiyon bonke ubungangamsha bayo; Abathetheli bayo baba njengamaxhama angafumani dlelo, Ahamba engenamandla phambi komsukeli. 1:7 IYerusalem iyazikhumbula, ngemini yeentsizi zayo neyokudinga kwayo, Zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwakwiimini zamandulo, Ekuweni kwabantu bayo esandleni sombandezeli, ingenamncedi; Ababandezeli bayo bayibona, bakuhleka ukucinywa kwayo. 1:8 IYerusalem asikuko nokuba yonile yona; ngenxa yoko yaba lubhorha; Bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba babone ubuze bayo; Nayo ngokwayo iyancwina, ibuye umva. 1:9 Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo ezirhuqayo, ayilikhumbulelanga ikamva layo; Yehla ke ngokubalulekileyo; ayinamthuthuzeli; Ithi, Zikhangele, Yehova, iintsizi zam; ngokuba utshaba luzikhulisile. 1:10 Umbandezeli usolule isandla sakhe phezu kwezinto zayo zonke ezinqwenelekayo; Kuba ibona iintlanga zingene engcweleni yayo, Owawuwise umthetho wena, ukuba zingangeni ebandleni lakho. 1:11 Bonke abantu bayo bayancwina, befuna isonka; Barhole izinto zabo ezinqwenelekayo ngenxa yesonka, ukuze bawubuyise umphefumlo; Bona, Yehova, ukhangele, ukuba ndisuke ndacukucezeka. 1:12 Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela? Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo, Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe. 1:13 Engaphezulu, uthume umlilo emathanjeni am, wawanyathela; Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva; Undenze inxuwa, yonke imini ndityhafile. 1:14 Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe; Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am; INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo. 1:15 INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam; Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am. INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini. 1:16 Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi, Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam; Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile. 1:17 IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli; UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge: IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo. 1:18 Ulilungisa uYehova; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe. Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam; Umthinjana wam namadodana am emke nokuthinjwa. 1:19 Ndibize izithandane zam, zandikhohlisa zona; Ababingeleli bam, namadoda amakhulu akwam, aphume umphefumlo phakathi komzi, Xa abezifunela ukudla, ukuba abuyise imiphefumlo yawo. 1:20 Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila; Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela; Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa. 1:21 Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli; Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko kwenziwe nguwe. Uyayizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke. 1:22 Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo, Uziphathe njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke; Ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile. 2:1 Yoo! Itheni na iNkosi yam ukuyisibekela kangaka ngomsindo wayo intombi enguZiyon? Isikhuphile ezulwini, yasikhahlela ehlabathini, isihombo sikaSirayeli, Ayasikhumbula isihlalo seenyawo zayo ngemini yomsindo wayo. 2:2 INkosi yam iwaginyile, ayawaconga, onke amakriwa akwaYakobi; Izigungxule ngokuphuphuma komsindo wayo iinqaba ezinkulu zentombi enguYuda; Yazizisa emhlabeni; Ibungcolisile ubukumkani nabathetheli babo. 2:3 Izixakazile ngokuvutha komsindo wayo zonke iimpondo zikaSirayeli; Isibuyise umva isandla sayo sokunene ebusweni botshaba; Yatshisa kwaYakobi njengomlilo olenyayo, odlayo ngeenxa zonke. 2:4 Isityedile isaphetha sayo njengotshaba; imise isandla sayo sokunene, saxelisa esombandezeli, Yazibulala zonke izinto ezinqwenelekayo emehlweni; Ententeni yentombi enguZiyon, ibuphalazile ubushushu bayo njengomlilo. 2:5 INkosi yam isuke yaba njengotshaba; imginyile uSirayeli, Iziginyile zonke iingxande zayo ezinde, izonakalisile iinqaba zayo ezinkulu; Yandisa entombini enguYuda uncwino nokukhala. 2:6 Iyichithile indawo yayo ebiyiweyo njengomyezo; Iyitshabalalisile indawo yayo yentlangano; UYehova wenze walityalwa eZiyon umthendeleko nesabatha; Wabagiba ekubhavumeni komsindo wakhe ukumkani nombingeleli. 2:7 INkosi yam isihlambele isibingelelo sayo, ithe nethe kuyo ingcwele yayo, Izivingcelele esandleni sotshaba iindonga zeengxande zayo ezinde; Baxokozela endlwini kaYehova njengemini yomthendeleko. 2:8 UYehova ucinge ukonakalisa udonga lwentombi enguZiyon; Wolule ulutya lokulinganisela, akasibuyisa isandla sakhe ekuginyeni; Wenza ungqameko lomsele lwaba nesijwili, kwanodonga; zithokombisile kunye ezo zinto. 2:9 Amasango ayo atshonile emhlabeni; uyitshabalalisile, uyaphule imivalo yayo; Ukumkani wayo nabathetheli bayo basezintlangeni, akukho myalelo; Abaprofeti bayo abafumani mbono kuYehova. 2:10 Ahleli emhlabeni ethe cwaka amadoda amakhulu entombi enguZiyon; Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqe ezirhwexayo; Uzithobele emhlabeni iintloko zawo umthinjana waseYerusalem. 2:11 Amehlo am aphela ziinyembezi, ziyabila izibilini zam, Isibindi sam siphalalele emhlabeni, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu, Ngokutyhafa kwabantwana, nabasemabeleni, ezitratweni zomzi. 2:12 Bamana ukuthi koonina, Iphi na ingqolowa newayini? Ekutyhafeni kwabo njengabangxwelerhiweyo ezitratweni zomzi, Ekuziphalazeni kwemiphefumlo yabo esifubeni sonina. 2:13 Ndikungqinele, ngantoni na? Ndikufanekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem? Ndikulinganise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon? Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa? 2:14 Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu; Ababutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho; Bakubonele imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa. 2:15 Babetha izandla ngawe bonke abadlula ngendlela; Benza umsondlo, bahlunguzele iintloko ngentombi enguYerusalem, besithi, Ngulo mzi na, lo kuthiwa kuphela kwenzwakazi, yimihlali yehlabathi lonke? 2:16 Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo; Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile; Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile. 2:17 Ukwenzile uYehova abekunkqangiyele; Ulizalisile ilizwi lakhe, abeliwisele umthetho kususela kwiimini zamandulo; Ugungxule, akaconga; Wenze lwakuvuyelela utshaba lwakho, Uphakamise uphondo lwababandezeli bakho. 2:18 Intliziyo yabo ikhala eNkosini yam; Ludonga lwentombi enguZiyon, mazihle iinyembezi njengomlambo imini nobusuku; Musa ukuyeka, malungaphezi ukhozo lweliso lakho. 2:19 Vuka, uhlahlambe ebusuku, ekuqalekeni kwemilindo; Yiphalaze njengamanzi intliziyo yakho ebusweni beNkosi; Ziphakamisele kuyo izandla zakho, ngenxa yomphefumlo wabantwana bakho, Abatyhafileyo kukulamba ekujikeni kwezitrato zonke. 2:20 Bona, Yehova, ukhangele, ngubani na lo wenjenje ukumphatha kakubi? Abafazi bangadla isiqhamo somzimba wabo na? Badle abantwana ababathantamisayo na? Angabulawelwa engcweleni yeNkosi na umbingeleli nomprofeti? 2:21 Balele emhlabeni phandle oyinkwenkwe noyindoda enkulu; Umthinjana wam namadodana am awile likrele; Ubulele ngemini yomsindo wakho, usikile, akwaconga. 2:22 Ukumemile ngokwemini yomthendeleko ukunxunguphala kwam ngeenxa zonke, Akwabakho usindayo, usalayo, ngemini yomsindo kaYehova. Endibathantamisileyo ndabakhulisa, utshaba lwam lubagqibele. 3:1 Ndim indoda ebone iintsizi, ngentonga yokuphuphuma komsindo wakhe. 3:2 Undikhokele wandihambisa ebumnyameni, akwaba sekukhanyeni. 3:3 Ubuye wasiguqulela kum ndedwa isandla sakho imini yonke. 3:4 Uyonakalisile inyama yam nolusu lwam; uwaphule amathambo am. 3:5 Undakhele wandirhaqa ngenyongo nendiniso. 3:6 Undibele ezindaweni ezimnyama, njengabafe ngonaphakade. 3:7 Undibiyele ngeenxa zonke, andinakuphuma; uwenze aba nzima amakhamandela am obhedu. 3:8 Noko ndikhalayo, ndizibikayo, uyawuvingcela umthandazo wam. 3:9 Uzibiyele iindlela zam ngamatye aqingqiweyo, uzenze goso iingqushu zam. 3:10 Kum uyibhere elalelayo, uyingonyama esezintsithelweni. 3:11 Uzityekisile iindlela zam, wandidlavula; undenze inxuwa. 3:12 Usigobile isaphetha sakhe, wandimisa ndaba yitekeni yotolo lwakhe. 3:13 Uzise ezintsweni zam iintolo zomphongolo wakhe. 3:14 Ndisuke ndayintlekisa kubantu bonke bakowethu; ndiyingoma yabo imini yonke. 3:15 Undihluthise ngeento ezikrakra, wandiseza ndahlutha umhlonyane. 3:16 Uwaphule ngohlalu amazinyo am; undixinzelele phantsi eluthuthwini. 3:17 Uwuhlambile umphefumlo wam, awaba naluxolo; ndiyilibele into elungileyo. 3:18 Ndathi, aphelile amandla am, nokulinda kwam kuYehova. 3:19 Zikhumbule iintsizi zam, nokutshutshiswa kwam, umhlonyane nenyongo. 3:20 Umphefumlo wam uyazikhumbula unangoku ezo zinto, usibekekile kum. 3:21 Oko ndikunyamekele ngentliziyo: ngenxa yoko ndilindile. 3:22 Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe. 3:23 Zintsha imiso ngemiso; kukhulu ukuthembeka kwakhe. 3:24 Isabelo sam nguYehova, utsho umphefumlo wam; ngenxa yoko ndilindele kuye. 3:25 UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo. 3:26 Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova. 3:27 Kuyilungele indoda ukuba iyithwale idyokhwe kwasebutsheni bayo. 3:28 Mayihlale yodwa ithe cwaka, xa iyithwalisiweyo. 3:29 Mayiwubeke eluthulini umlomo wayo; kungabakho ithemba mhlawumbi. 3:30 Mayisinikele isidlele sayo koyibethayo; mayihluthe yingcikivo. 3:31 Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade, 3:32 Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo. 3:33 Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibenze babe nosizi oonyana babantu. 3:34 Ekutyunyuzweni kwababanjiweyo bonke behlabathi phantsi kweenyawo; 3:35 Ekulijikeni ityala lomfo phambi kobuso bOsenyangweni; 3:36 Ekuphenulweni komntu ekubambaneni kwakhe nomnye: iNkosi yam ayiboni na? 3:37 Ngubani na okhe wathetha, kwenzeka, iNkosi yam ingawisanga mthetho? 3:38 Akuphumi okubi nokulungileyo emlonyeni wOsenyangweni na? 3:39 Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile? Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe. 3:40 Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova. 3:41 Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizise kuThixo emazulwini. 3:42 Thina sikreqile saba neenkani; wena akuxolelanga. 3:43 Uzigqubuthele ngomsindo, wasisukela; ubulele akwaconga. 3:44 Uzigqubuthele ngelifu, ukuze ungaphumeli umthandazo wethu. 3:45 Usenze inkunkuma, imvuthuluka esazulwini sezizwe. 3:46 Zisakhamisele umlomo wazo zonke iintshaba zethu. 3:47 Kokwethu ukunkwantya, nomgongxo, nesibatha, nokutshabalala, nokwaphuka. 3:48 Iliso lam lihla imijelo yamanzi, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu. 3:49 Iliso lam liyatyityizela, aliyeki, alinqamki, 3:50 Ade aqondele abone uYehova, esemazulwini. 3:51 Iliso lam liyawubulala umphefumlo wam, ngenxa yeentombi zonke zomzi wakowethu. 3:52 Zindizingele zandizingela njengentaka iintshaba zam ngelize. 3:53 Zibubhangisile ubomi bam ngokundeyelisela emhadini, zandigibisela ngamatye. 3:54 Amanzi ahambe phezu kwentloko yam, ndathi, Ndinqanyulwe. 3:55 Ndinqule igama lakho, Yehova, kongaphantsi umhadi. 3:56 Izwi lam waliva; musa ukuyifihla indlebe yakho ekubefuzeni kwam, ekuzibikeni kwam. 3:57 Wasondela ngemini yokukunqula kwam, wathi, Musa ukoyika. 3:58 Uwathethile amatyala omphefumlo wam, Nkosi yam; ubukhulule ubomi bam ngokubumisela. 3:59 Ukubonile, Yehova, ukuphenulwa kwam; ligwebe ityala lam. 3:60 Uyibonile yonke impindezelo yabo, uzivile zonke iingcinga zabo ngam. 3:61 Ukuvile ukungcikiva kwabo, Yehova, uzivile zonke iingcinga zabo ngam, 3:62 Umlomo wabo basukela phezulu kum, nezicamango zabo ngam yonke imini. 3:63 Ukuhlala kwabo nokusuka kwabo kubheke; ndiyingoma yabo. 3:64 Babuyisele imbuyekezo, Yehova, ngokwezenzo zezandla zabo. 3:65 Banike ubumfama bentliziyo; intshwabulo yakho mayibe kubo. 3:66 Basukele ngomsindo, ubatshabalalise, bangabikho phantsi kwamazulu kaYehova. 4:1 Yoo! Isuke igolide yaba mncumevu; isuke ecikizekileyo, elungileyo, yaba yeyimbi; Asuke aphalazwa amatye engcwele ekujikeni kwezitrato zonke. 4:2 AbeZiyon abanqabileyo, abamelwe yigolide engcwengiweyo, Yoo! Babalelwa ekubeni yimiphanda yodongwe, umsebenzi wezandla zombumbi. 4:3 Kanti neempungutye ziyalirhola ibele, zanyise amathole azo; Ke yona intombi yabantu bakowethu isuke yaba sisijorha, njengenciniba entlango. 4:4 Ulwimi losebeleni lunamathela ekhuhlangubeni lakhe linxano; Abantwana bacela isonka, akukho ubaphulelayo. 4:5 Ababesidla ubuncwane baphanzile ezitratweni; Ababephathwa ngeengubo ezibomvu bawola amazala. 4:6 Bukhulile ubugwenxa bentombi yakowethu ngaphezu kwesono seSodom, Yona yabhukuqwayo ngephanyazo, kungasiwanga sandla kuyo. 4:7 Babeqaqambile ababalulekileyo bayo ngaphezu kwekhephu; baye bemhlophe ngaphezu kwamasi; Babeyingqombela imizimba ngaphezu kwekorale, isibili sabo besinjengesafire; 4:8 Imbonakalo yabo imnyama ngaphezu kocolothi; Abanakaneki ezitratweni; ulusu lwabo lutshele emathanjeni abo; lomile, lwanjengokhuni. 4:9 Baneyhweba ababulewe ngekrele kunababulewe yindlala, Bona baphelayo ngokubulawa kukungabikho kweziqhamo zamasimi. 4:10 Izandla zabafazi abanemfesane zipheke abantwanana babo, Baba kukudla kwabo ekwaphukeni kwentombi yabantu bakowethu. 4:11 Ubuphelelisile ubushushu bakhe uYehova, ukuphalazile ukuvutha komsindo wakhe; Wafaka umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo. 4:12 Bebengenakukholwa ookumkani behlabathi, nabemi bonke belimiweyo, Ukuba ubengangenayo umbandezeli notshaba emasangweni aseYerusalem. 4:13 Kungenxa yezono zabaprofeti bayo, nobugwenxa bababingeleli bayo, Abaphalaze igazi lamalungisa phakathi kwayo. 4:14 Baphamzela beziimfama ezitratweni, bedyobhekile ligazi, Bada abantu ababa nakuchukumisa nezambatho zabo. 4:15 Sukani, nantso inqambi! Kwatshiwo ukumenyezwa kubo. Sukani, sukani, musani ukuphatha! Bakusaba, baphamzela nalapho, kwathiwa phakathi kweentlanga, Mabangaphindi baphambukele khona. 4:16 Ubuso bukaYehova bubachithachithile, akasayi kubabheka; Ubuso bababingeleli ababubhekanga, amadoda amakhulu abawababalanga. 4:17 Thina, amehlo ethu ayaphela, ekhangele uncedo olungamampunge; Ekuboniseleni kwethu sibonisela uhlanga olungayi kusisindisa. 4:18 Bazingela amanyathela ethu, ukuze singabi nakuhamba ezitratweni zethu; Kusondele ukuphela kwethu, izalisekile imihla yethu; ewe, kufikile ukuphela kwethu. 4:19 Abasisukelayo banamendu ngaphezu kwamaxhalanga asezulwini; Basisukela ezintabeni ngokushushu, basilalela entlango. 4:20 Umoya wamathatha ethu, umthanjiswa kaYehova, ubanjisiwe emihadini yabo: Lowo besisithi, Siya kuhlala phantsi komthunzi wakhe ezintlangeni. 4:21 Yiba nemihlali uvuye kambe, ntombi yakwaEdom, ihleliyo ezweni lakwaUtse; Iya kudlulela nakuwe indebe; uya kunxila, uzihlube. 4:22 Bugqityiwe ubugwenxa bakho, ntombi inguZiyon; Akayi kuphinda akufuduse; Uya kubuvelela ubugwenxa bakho, ntombi yakwaEdom. Uya kuzityhila izono zakho. 5:1 Kukhumbule, Yehova, okusihleleyo; Bheka, uyibone ingcikivo yethu. 5:2 Ilifa lethu lisuke lenziwa elabasemzini, Izindlu zethu zalunga kwabolunye uhlanga. 5:3 Siziinkedama, asinabawo; Oma banjengabahlolokazi. 5:4 Amanzi ethu siwasela ngesilivere; Iinkuni zethu ziza kuthi ngexabiso. 5:5 Intshutshiso iphezu kwentamo yethu; Sidiniwe, asinakuphumla. 5:6 Isandla sisinika amaYiputa, Nama-Asiriya, ukuba sihluthe sisonka. 5:7 Oobawo bonile, abasekho; Thina sithwele ubugwenxa babo. 5:8 Silawulwa ngabakhonzi; Akukho usiqhiwulayo ezandleni zabo. 5:9 Isonka sethu sisizuza ngomphefumlo wethu usisichenge. Ngenxa yekrele lasentlango. 5:10 Ulusu lwethu luyavutha njengeziko Ngenxa yolophu lwendlala. 5:11 Badlwengule abafazi eZiyon, Iintombi emizini yakwaYuda. 5:12 Baxhome abathetheli ngezandla; Ubuso bamadoda amakhulu abubekwa. 5:13 Amadodana athwala amatye okusila, Amakhwenkwe akhubeka phantsi kweenkuni. 5:14 Amadoda amakhulu aphezile ukuya esangweni; Amadodana, ekubetheni uhadi. 5:15 Iphelile imihlali yentliziyo yethu, Ukuqamba kwethu kujike kwaba kukumbambazela. 5:16 Siwile isithsaba entlokweni yethu; Yeha ke thina! kuba sonile. 5:17 Ngenxa yoko ityhafile intliziyo yethu; Ngenxa yezo zinto amnyama amehlo ethu; 5:18 Ngenxa yentaba yaseZiyon, kuba ibharhile, Kuhamba iimpungutye phezu kwayo. 5:19 Wena, Yehova, uhleli ngonaphakade; Itrone yakho ikwisizukulwana ngesizukulwana. 5:20 Yini na ukuba usilibale ngonaphakade, Usilahle imihla emide? 5:21 Sibuyisele kuwe, Yehova; sobuya; Hlaziya imihla yethu njengokwamandulo. 5:22 Ungaba usicekise mpela na, Wanoburhalarhume kuthi ngokukhulukazi na?